Nikela Awona Maphephancwadi Abalaseleyo Ehlabathini
1 Injongo yeMboniselo “kukuphakamisa uYehova uThixo njengeNkosi EnguMongami wendalo iphela.” EkaVukani! ‘ikukukhanyisela intsapho iphela. . . . Eli phephancwadi lakha intembelo kwidinga loMdali lehlabathi elitsha elinoxolo nonqabiseko.’ Ezi zicatshulwa zivela kula maphephancwadi. Ngenxa yenjongo yawo aye aba ngumthombo wentuthuzelo kwizigidi zabafundi.
2 Ebudeni buka-Aprili noMeyi siza kuhambisa aba lindixesha kubulungiseleli bethu. Ukuze siphumelele, kufuneka sikwazi kakuhle oko akuquletheyo. Funda inkupho nganye, uphawula iingongoma osenokukwazi ukuzisebenzisa xa uwanikela. Cinga ngoko kuxhalabise abantu. Yiyiphi eyona micimbi yasekuhlaleni, yentsapho, okanye engokweemvakalelo ecinga ngayo inkoliso yabamelwane bakho? Zama ukucinga ngento onokuyithetha enokuchukumisa iintliziyo zabo ize ikhuthaze umnqweno wabo wokufunda okungakumbi.
3 Ukubalaselisa IMboniselo Ka-Aprili 1: Inkoliso yabantu ilangazelela ihlabathi elilunge ngakumbi, elingenazo iingxaki ezininzi ngoku ezisoloko zibaphanga uvuyo lwabo.
Emva kokuba uzazisile, usenokuthi:
◼ “Ndithanda ukukubonisa amagqabaza abangel’ umdla akweli nqaku lithi ‘Ihlabathi Elilunge Ngakumbi—Ngaba Liphupha Nje?’ Athi: ‘Eli hlabathi, ihlabathi lethu, ngokuqinisekileyo aliyondawo ifaneleke ngokugqibeleleyo. . . . Uludwe lwezinto ezibuhlungu zanamhlanje lubonakala lungenasiphelo.’ Le meko yenza kube nzima ukuqiniseka ngekamva, akunjalo na? Noko ke, mandikubonise oko kuthethwa yiNdumiso 37:11 ngekamva.” Emva kokufunda le ndinyana, buza umninimzi indlela avakalelwa ngayo ngeli dinga. Ukuba unomdla, tyhila kwinqaku elithi “Ihlabathi Elilunge Ngakumbi—Lisemnyango!,” iphepha 4, uze uthi: “Apha kuboniswe iindinyana zeZibhalo eziliqela, kuquka nale sisandul’ ukuyifunda kwiNdumiso 37:11. Ndicinga ukuba uya kukunandipha ukufunda la manqaku uze uhlole iimbekiselo kwiBhayibhile yakho. Ndiya kuvuyiswa kukulungiselela ukuba ufumane la maphephancwadi ngeposi ngomrhumo wonyaka wee-R19,00.” Xa umnikelo womrhumo ungamkelwa, nikela amaphephancwadi amabini ngomnikelo we-R1,60.
4 Ukubalaselisa IMboniselo Ka-Aprili 15: Inqaku elikwiphepha 4 linalo mbuzo: “Unokulufumana Phi Ukhokelo Olunokuthenjwa?”
Emva kokuba uzazisile, unokuthi:
◼ “Kukho iingxaki ezininzi ehlabathini namhlanje, ezifana [khankanya into exhalabise abantu okanye eyona nto iphambili ezindabeni]. Oku kusenza sizibuze enoba ukho kusini na umntu onokufumana indlela yokukhululeka kobu bugxwayiba. Okuvuyisayo kukuba eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17 isiqinisekisa ukuba iBhayibhile ilukhokelo olusa kwindlela yobomi eyonwabisayo nenonqabiseko.” Emva kokufunda ezi ndinyana, bonisa indlela IMboniselo esinceda ngayo siqonde isizathu sokuba iBhayibhile ilukhokelo olunokuthenjwa. Nikela umrhumo ngendlela ekucetyiswe ngayo kwisiqendu 3.
5 Ukuba ukhetha ukuhambisa uVukani!, usenokusebenzisa inkupho kaMeyi 8 kwinqaku elithi “Ithemba Lokwenene Labantwana.” Mhlawumbi uya kufumanisa ukuba abazali bayachukunyiswa ziimfuno zabantwana ibe bafuna ukwazi into enokwenziwa ukuze bancedwe. Wunikele ngokukhululekileyo umrhumo wala maphephancwadi omabini ngomnikelo wee-R28,50.
6 Ukuba sinehlombe ngamaphephancwadi ethu, angawona abalaseleyo ehlabathini, siya kukuxhalabela ukuwahambisa kwabanye ukuze nabo bamkele ithemba loBukumkani baze babe nesabelo ekuphakamiseni uYehova njengeNkosi enguMongami wendalo iphela.—INdu. 83:18.