IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/94 iphe. 2
  • Iintlanganiso Zenkonzo KaSeptemba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlanganiso Zenkonzo KaSeptemba
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 5
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 12
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 19
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 26
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 9/94 iphe. 2

Iintlanganiso Zenkonzo KaSeptemba

Iveki Eqala NgoSeptemba 5

Ingoma 5

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezifanelekileyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.

20 imiz: “Yandisa Ubuncwane Bakho Benkonzo YoBukumkani.” Umveleli wenkonzo nomnye umdala baxubusha iingongoma eziziintloko kweli nqaku. Bahlolisisa umsebenzi webandla wonyaka odluleyo, bencoma yaye becebisa apho kunokuphuculwa khona. Bagxininisa usukelo lokwandisa isabelo umntu ngamnye anaso kubulungiseleli.

15 imiz: “Hlakulela Umdla Kwincwadi Ethi Unokuphila Ngonaphakade.” Abavakalisi abathathu okanye abane, kuquka oselula, baxubusha eli nqaku baze benze uqheliselo. Benza imiboniso ngeentshumayelo ezimbini okanye ezintathu baze bayixubushe, benikana amacebiso asebenzisekayo yaye bencomana.

Ingoma 32 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoSeptemba 12

Ingoma 54

7 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Iindaba Ezingokobuthixo.

20 imiz: Ihambo YobuKristu Esikolweni. Ingxubusho yomdala nabakwishumi elivisayo abathathu okanye abane. Esikolweni, abaselula bethu bafumana iingcinezelo ezahlukeneyo zokuba balalanise ekuhloneleni kwabo imigaqo yeBhayibhile. Inkoliso yayo bayifumana kwizinto ezingenakuthanani nezifundo. Imidlalo, ukwenza amadinga neembutho zokuzonwabisa zibazisela iingozi. Umdala uxubusha “Imicimbi Engaphandle Kweeyure Zesikolo” nabakwishumi elivisayo, esebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Isikolo, iphepha 22-5. Abantu abaselula bamchazela indlela abacinezelelwa ngayo ukuba nenxaxheba kwezi zinto baze babonise ukuwaxabisa amacebiso abanika wona.

18 imiz: “Akarhoxobisi Ekunikeleni Ubungqina.” Imibuzo neempendulo. Balaselisa ukuba nangona sonke singenakuchitha ixesha elifanayo kubulungiseleli, sifanele sivuyiswe bubo size sizabalazele ukubenza ngomphefumlo uphela.

Ingoma 60 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoSeptemba 19

Ingoma 36

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali nazo naziphi na izaziso zokufunyanwa komnikelo.

10 imiz: Isingxobo Semibuzo. Ingxubusho yemibuzo neempendulo.

10 imiz: “Ivideo Ethi The Bible​—⁠Mankind’s Oldest Modern Book.” Mayigutyungelwe ngemibuzo neempendulo.

15 imiz: “Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Ngencwadi Ethi Unokuphila Ngonaphakade.” Yixubushe nabaphulaphuli. Lungiselela imiboniso emibini usebenzisa iintshumayelo ezicetyisiweyo.

Ingoma 67 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoSeptemba 26

Ingoma 44

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Chaza amalungiselelo enyanga yokugqibela yohlaselo lomhlaba ongabelwanga bani uze ukhuthaze ukuba axhaswe ngokuzeleyo. Cela abaphulaphuli babalise amava amafutshane abawanandiphileyo kumhlaba ongabelwanga bani, ekuhambiseni incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade okanye ekuqaliseni izifundo kuyo.

20 imiz: “IBheteli Isaqhubeka Isandiswa.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo kwisihlomelo mayisingathwe ngumdala onamava. Phuhlisa iinkalo ezinik’ umdla kwimifanekiso ekumaphepha asembindini. Yazisa abaphulaphuli oko ibandla lasekuhlaleni likwenzayo ukuxhasa ukwandiswa kweBheteli.

15 imiz: Ukuhambisa IMboniselo noVukani! ebudeni bukaOktobha. Amaphephancwadi ethu anendima enkulu kumsebenzi wokushumayela wehlabathi lonke; le yindlela izigidi eziye zayifumana ngayo inyaniso okokuqala. Bethelela ukubaluleka kokuwasebenzisa ngokuqhubekayo nokuwahambisa kumsebenzi wendlu ngendlu kwanaxa kuhanjiswa ezinye iincwadi. Khankanya iingenelo zokuba noSuku Lwamaphephancwadi lweeveki ngeeveki. Xubusha indlela ukunikela ubungqina esitratweni nakwiivenkile ngeevenkile okube luncedo ngayo ekuwahambiseni. Khumbuza abazalwana ukuba bagcine iingxelo zababahambiseleyo, ngenjongo yokuqalisa umzila wamaphephancwadi. Bahambisele imirhumo ngamathuba onke. Khumbuza abazalwana ngamaxabiso amabini, elinye lemirhumo ehanjiswa ngeposi neminye ehanjiswa ngenkqubo yeQela. Gxininisa ukubaluleka kokulungiselela kakuhle ngaphambi kokuphuma. Yiba nabavakalisi abathathu, omnye abe ngoselula, benze imiboniso ngeentshumayelo ezimfutshane ngamaphephancwadi.

Ingoma 76 nomthandazo wokuqukumbela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share