IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/94 iphe. 8
  • Hlakulela Umdla Kwincwadi Ethi Unokuphila Ngonaphakade

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hlakulela Umdla Kwincwadi Ethi Unokuphila Ngonaphakade
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Ulwazi Oluphuma KuThixo Luphendula Imibuzo Emininzi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Buyela Kwabanomdla Obafumeneyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Ukusebenzisa Incwadi Umntu Obalaseleyo Kumabuyelo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Iintshumayelo Ezicetyiswayo Ezinokusetyenziswa Entsimini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 9/94 iphe. 8

Hlakulela Umdla Kwincwadi Ethi Unokuphila Ngonaphakade

1 Xa sisiya emakhayeni abo, sidla ngokufumanisa ukuba abantu bacinga nzulu ‘ngamaxhala eli phakade.’ (Marko 4:19) Sijamelene nocelomngeni lokuvusa umdla wabo ngentshumayelo ebenza bacinge ngesikuthethayo. Xa sisaqala, inkoliso yabantu isenokungabi namdla kangako koko sikuthethayo. Ukuba sinokuthetha into echaphazela ubomi babo, sinokubenza babe nomdla othile kwisigidimi soBukumkani. Eyona nto iluncedo ekuqaliseni incoko kukukhetha iingongoma onokuthetha ngazo ezibangel’ umdla kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade. Unokuthini?

2 Usenokusebenzisa le ntshayelelo:

◼ “Ukuba ubunamandla, ziziphi iingxaki ezicinezelayo zanamhlanje obuya kuzilungisa? [Vumela impendulo, uze ukuba kufanelekile, umngqinele ngelithi abantu abaninzi bacinga okufanayo.] Ukuza kuthi ga ngoku, iinkokeli zehlabathi zibonakala zingaphumeleli kangako ekufumaneni izicombululo kwiingxaki ezininzi ezididayo zanamhlanje. Kodwa ukho Lowo unako noya kuziphelisa zonke iingxaki ezithwaxa uluntu. Phawula oko kuchazwe kwiNdumiso 145:16. [Sifunde esi sibhalo, uze uye kumfanekiso okwiphepha 11-13.] Isiqendu 14 kwiphepha 14 siphakamisa lo mbuzo besiwuxubusha size siqhubeke sibuza oku: ‘Kodwa kuya kwenzeka nini oku?’” Chaza ukuba le ncwadi iya kuwuphendula loo mbuzo, uze umhambisele yona.

3 Okanye unokuthetha okufana noku:

◼ “Mhlawumbi uyasazi isithukuthezi esibangelwa kukulahlekelwa ngothandekayo ekufeni. Mhlawumbi kwakwenza buhlungu yaye awabi nakuzinceda. Mhlawumbi wazibuza le mibuzo: [Funda imibuzo ekwisiqendu 1 kwiphepha 76.] Ngaba bekungayi kukuthuthuzela ukufumana iimpendulo kule mibuzo? Kusenokukukhuthaza ukwazi ukuba iBhayibhile inikela ithemba eliqinisekileyo ngabafileyo. [Funda uYohane 5:​28, 29.] Le ncwadi isinceda siqonde imeko yabafi nethemba elikhoyo ngabo kwikamva.” Ngokufutshane tyhila kwisahluko 8 nesama-20. Nika umninimzi ithuba lokuhlolisisa le ncwadi.

4 Kunokwenzeka ukuba ufumane amathuba okunikela ubungqina obungacwangciswanga. Ukuba kunjalo, usenokuthetha okufana noku ngamazwi akho:

◼ “Ihlabathi namhlanje lizaliswe ziingxaki, ibe alithandabuzeki elokuba nawe ziyakufikela. Okulusizi kukuba kubonakala ukuba abantu abamsulwa ngabona babandezeleka ngakumbi. Ngaba ucinga ukuba uThixo uya kukuphelisa ukubandezeleka? [Vumela impendulo.] Mandikubonise oko uThixo athembisa ukukwenzela abo bamkhonzayo. [Funda INdumiso 37:40 wandule ke utyhile kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade kwiphepha 99.] Le ncwadi ichaza isizathu sokuba uThixo evumele ubungendawo nendlela aza kubuphelisa ngayo.”

5 Ukuba ungumvakalisi oselula, unokusebenzisa intshumayelo esekelwe kwimifanekiso ekwiphepha 156-⁠8. Usenokuqalisa ngokubuza oku:

◼ “Ngaba ubungathanda ukuphila kwihlabathi elinje? [Vumela impendulo.] Ngamnye kule mifanekiso mihle usekelwe kwidinga elibhalwe eLizwini likaThixo, iBhayibhile. [Mbonise iimbekiselo zeZibhalo.] Le ncwadi inokukunceda ufunde okungakumbi ngedinga likaThixo lokwenza wonke umhlaba ube yiparadisi. Inenkcazelo yokusindisa ubomi ibe akuyonkcitha-xesha ukuyifunda.”​—⁠Yoh. 17:⁠3.

6 UYehova uya kuwusikelela umsebenzi wethu ukuba senza umgudu wokunyaniseka sikhokelela ababumvu kumanzi enyaniso. Ngoko ke masenze okusemandleni ethu ebudeni bukaSeptemba sihlakulele umdla kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share