Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Ngencwadi Ethi Unokuphila Ngonaphakade
1 Ukuthanda abantu kufanele kusishukumisele ekukhawuleziseni ukubuyela siye kunceda abo balambele nabanxanelwe inyaniso. (Mat. 5:6) Sifanele siphawule size sihlakulele nayiphi na intlantsi yomdla esinokuyifumana ukuba asifuni ide icime. Eyona nto ibalulekileyo ukuze siphumelele kukulungiselela.
2 Usukelo lwethu lufanele lube kukuqalisa izifundo zeBhayibhile. (Mat. 28:20) Iinkupho zokuqala zencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade zazinala magqabaza entshayelelo athi: “Ngokwenene le yeyona ncwadi ibalaseleyo ekufundeni nabo bonke abantu, abancinane nabakhulu, ingakhathaliseki imfundo abanayo.” Ibhalwe ngendlela eyenza ukuqhuba izifundo kube lula, nto leyo eyenza nabavakalisi abasebatsha babe nesabelo. Impumelelo yethu ekuqaliseni izifundo ezitsha ixhomekeke kwindlela esibuyela ngokunempumelelo ngayo.
3 Sinokuziqalisa Njani Izifundo? Xa sibuyela, kudla ngokuba kuhle ukudibanisa ingxubusho yethu nezinye iingongoma okanye umbuzo obukhankanywe kutyelelo lwethu lokuqala. Mhlawumbi ubuxubusha ngemeko yabafi, waza washiya lo mbuzo, “Liyintoni ithemba ngabafileyo bethu esibathandayo?” Chaza ukuba uvuko lithemba eliqinisekileyo; iBhayibhile inengxelo yemizekelo eliqela yovuko olukhe lwenzeka. Hlolisisa imifanekiso ekwiphepha 167-9. Yandula ke uxubushe oko kukwisiqendu 1 nesesi-2 kwiphepha 166. Ukuba unomdla, thembisa ngokubuyela ukuze nixubushe ngokubhekele phaya.
4 Usenokuba ubuxubushe nomzali oye wachaza ukuxhalatyiswa kwakhe kukwanda kweengxaki ezibangelwa kukukhulisa abantwana. Ngamazwi akho, usenokuthetha okufana noku:
◼ “Bonke abazali babanqwenelela okuhle abantwana babo. IBhayibhile inemiyalelo enokunceda abazali baqeqeshe abantwana babo ukuze bafumane ubomi obanelisayo obunentsingiselo nobunenjongo. Ngenxa yoko, ngamandla sincomela ukuba iintsapho zifundisise iBhayibhile kunye. [Tyhila kwisiqendu 23 kwiphepha 246.] Ulwazi esiluzuzileyo lunokuyizisela iintsikelelo ezingunaphakade intsapho iphela.” Funda uYohane 17:3. Mchazele indlela okulungele ngayo ukubuya uze ubonise intsapho indlela yokuqalisa isifundo sayo.
5 Ukuba ungumvakalisi oselula okanye osemtsha yaye kutyelelo lokuqala ngokufutshane wathetha ngethemba leParadisi, tyhila kwiphepha 3 lale ncwadi, uze ngokulula uthethe okufana noku:
◼ “IBhayibhile ithembisa ukuba abo benza ukuthanda kukaThixo ukuba banokukhangela phambili ekuphileni kwihlabathi elinjengeli, apho kuya kubakho ulonwabo noxolo. Le ncwadi ibonisa oko simele sikwenze ukuze sinandiphe loo ntsikelelo.” Ngokufutshane chaza indlela esisiqhuba ngayo isifundo uze ucele ukumbonisa.
6 Njengabafundi bakaYesu, sinembopheleleko yokunceda abantu. (Roma 10:14) Ukuba besihambise uncwadi okanye besinencoko emnandi, sinembopheleleko yokuhlakulela loo mdla. (Mat. 9:37, 38) Ukuba sisiphumeza ngokufanelekileyo esi sabelo, sonke sinokufumana iintsikelelo eziziswa kukwenjenjalo.—1 Tim. 4:16.