IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/96 iphe. 4
  • “Oku Kuthetha Ubomi Obungunaphakade”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Oku Kuthetha Ubomi Obungunaphakade”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • Ulwazi Oluphuma KuThixo Luphendula Imibuzo Emininzi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Ukusasaza Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Ulwazi OlungoThixo Oyinyaniso Lukhokelela Ebomini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Nceda Abanye Bazuze Ulwazi Olukhokelela Ebomini
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
km 11/96 iphe. 4

“Oku Kuthetha Ubomi Obungunaphakade”

1 La mazwi kaYesu akuYohane 17:3 amele athatyathwe nzulu. Wayengaphazami ngoko wayekuthetha—ukungenisa ulwazi ngoThixo noKristu kuthetha ubomi obungunaphakade! Kodwa ngaba kukuba nolwazi nje ngoYehova noYesu okuya kusenza sivuzwe ngobomi obungunaphakade? Hayi. AmaSirayeli ayesazi ukuba uYehova wayenguThixo wawo, kodwa ihambo yawo yokuphila yayingathethi loo nto. Ngenxa yoko, aphulukana nenkoliseko yakhe. (Hos. 4:1, 2, 6) Namhlanje izigidi zabantu ‘zisenokuba nenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo.’ (Roma 10:2) Kufuneka zimazi uYehova, ‘okuphela koThixo oyinyaniso,’ zize zifunde ukumkhonza ngendlela efanelekileyo. Ukuze zenjenjalo, ngoNovemba siza kube sihambisa incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Uza kusebenzisa yiphi intshayelelo xa uhambisa incwadi ethi Ulwazi? Nanga amanye amacebiso asenokukunceda.

2 Ekubeni ingcamango yokuphila ngonaphakade emhlabeni iyinto entsha kwinkoliso yabantu, le ntshayelelo isenokuyithimba ingqalelo yabo:

◼ “Sibuza abamelwane bethu umbuzo othile. Ukuba ubumenyelwa ukuphila ngonaphakade kwihlabathi elinje, ngaba ubuya kusamkela eso simemo? [Mbonise umfanekiso okwiphepha 4-5 kwincwadi ethi Ulwazi. Vumela impendulo.] Ngenene oku kunokukwenza wonwabe kakhulu ebomini. Kodwa ucinga ukuba bekuya kufuneka wenzeni ukuze uphile apho? [Vumela impendulo.] Phawula inyathelo elifunekayo ngokutsho kukaYohane 17:3. [Mfunde.] Le ncwadi inceda abaninzi bafumane olu lwazi lukhethekileyo. Ngaba ubungethandi ukuzifumanela eyakho ukuze uyifunde? [Vumela impendulo.] Ungayifumana le ngomnikelo nje omncinane ozii-R4,00. Ekubuyeni kwam, sinokuxubusha ngesizathu sokuba kufanelekile ukukholelwa ekubeni sinokubufumana ubomi obungunaphakade apha emhlabeni.”

3 Xa ubuyela kwabo ubuxubushe nabo uYohane 17:3, usenokuhlabela mgama ngale ndlela:

◼ “Ukugqibela kwam ukuza apha, ndikufundele amazwi kaYesu abangel’ umdla akuYohane 17:3, apho asiqinisekisa ukuba ukungenisa ulwazi ngoThixo nangaye kuthetha ubomi obungunaphakade. Kodwa uninzi lwabantu lukholelwa ekubeni ubomi obulunge ngakumbi bunokufumaneka ezulwini kuphela. Wena uthini ngaloo nto? [Vumela impendulo.] Ukuba la ncwadi bendikushiyele yona ikufutshane, bendiya kuthanda ukukubonisa ezinye zeendinyana zeBhayibhile ezingqina ukuba iParadisi iza kubuyiselwa emhlabeni. [Xubusha isiqendu 11-16 kwiphepha 9-10 kwincwadi ethi Ulwazi.] Xa ndiphinda ndibuya, ndiya kuthanda ukukubonisa isizathu sokuba unokukholosa ngala madinga eBhayibhile. Mhlawumbi okwangoku ungazifundela isahluko 2 kwincwadi yakho.”

4 Nantsi intshumayelo osenokuthanda ukuyisebenzisa kubantu bonqulo:

◼ “Besincokola nabamelwane bethu ngesizathu sokuba kukho iinkonzo ezininzi nezahlukahlukene kangaka ehlabathini. Kweli loMzantsi Afrika nje kuphela kukho iinkonzo ezizimeleyo ezingama-4000, yaye zingaphezu kwe-10 000 iimvaba zeenkonzo ezikhoyo kwihlabathi lonke. Ukanti, inye kuphela iBhayibhile. Ngokokubona kwakho, ucinga ukuba siyintoni isizathu sokuba kubekho lo mbhodamo weenkonzo? [Vumela impendulo. Tyhila kwincwadi ethi Ulwazi kwisahluko 5, uze ufunde isiqendu 1.] Uya kufumana iimpendulo ezanelisayo kuloo mibuzo ngokufunda esi sahluko. Ndingakuvuyela ukukushiyela le ncwadi ngomnikelo wee-R4,00.” Ukuba uyamkele, yenza amalungiselelo aqinisekileyo okubuyela, uze uthi: “Ekubuyeni kwam, mhlawumbi singaxubusha enoba zonke iinkonzo ziziindlela nje ezahlukeneyo ezisinge kwindawo enye kusini na.”

5 Xa ubuyela ukuze uqhubeke nengxubusho engesizathu sokuba kubekho iinkonzo ezininzi kangaka, usenokuthi:

◼ “Ukugqibela kwam ukuncokola nawe, ndiye ndakubuza umbuzo enoba zonke iinkonzo ziziindlela nje ezahlukeneyo ezisinge kwindawo enye. Ucinga ntoni ngaloo nto? [Vumela impendulo.] Bendingathanda ukukubonisa kula ncwadi bendikushiyele yona oko kwathethwa nguYesu ngalo mba. [Tyhila kwisahluko 5 kwincwadi ethi Ulwazi, ufunde isiqendu 6-7, noMateyu 7:21-23.] Usenokuzibuza isizathu sokuba kubaluleke kangaka ukukwazi kakuhle ukuthanda kukaThixo. Uya kufumanisa ukuba iziqendu ezilandelayo zinemfundiso kakhulu. Nceda uzifundele konke okuseleyo kwesi sahluko. Xa ndibuya kwixa elizayo, ndiya kukuvuyela ukukubonisa ukubaluleka kokuba nolwazi oluchanileyo lweBhayibhile.”

6 Intshayelelo engqalileyo isoloko iphumelela ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile. Nantsi intshayelelo ecetyisiweyo eboniswe kwiphepha 11 kwincwadi ethi “Ukuqiqa”:

◼ “Ndityelela ukuze ndizinikele kuwe ukuba ndikuqhubele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. Ukuba ubungavuma, ndingathanda ukuchitha nje imizuzu embalwa ndikubonise indlela abantu emazweni anokuba ngama-200 abayixubusha ngayo iBhayibhile ekhaya njengamaqela eentsapho. Sisenokusebenzisa nayiphi na yale mixholo njengesiseko sengxubusho. [Mbonise iziqulatho zencwadi ethi Ulwazi.] Nguwuphi ngokukhethekileyo okutsalayo?” Mlinde akhethe. Tyhila kwisahluko asikhethileyo, uze uqalise isifundo kwisiqendu sokuqala.

7 Nantsi enye intshayelelo engqalileyo onokuyizama ekuqaliseni izifundo:

◼ “Ndiqhubela abantu izifundo zeBhayibhile ngesisa kwaye ndikulungele ukuqhubela abongezelelekileyo. Sisebenzisa olu ncedo lokufundisisa iBhayibhile. [Mbonise incwadi ethi Ulwazi.] Ezi zifundo zithabatha nje iinyanga ezimbalwa yaye zinikela iimpendulo kwimibuzo enjengale: Kutheni uThixo evumela ukubandezeleka? Kutheni sisaluphala size sife? Kwenzeka ntoni kwabo sibathandayo bafileyo? Yaye sinokusondela njani kuThixo?” Yandula ke ubuze, “Ngaba ndingakubonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo?” Ukuba uyasilandula isifundo, mbuze enoba ebengathanda na ukuzifundela ngokwakhe incwadi ethi Ulwazi.

8 Obunjani bona ubutyebi ulwazi ngoThixo noKristu olububo kuye wonk’ ubani onalo! Okunene ukuzondla ngalo kuthetha ukuphila ubomi obungunaphakade kwiimeko ezigqibeleleyo. Masiwasebenzise onke amathuba ngoNovemba ukuze sabelane nabanye ngolu lwazi lukhokelela kubomi obungunaphakade.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share