Bonisa Ukuba Unenkathalo Ngokubuyela
1 Ukufuna abantu abanomdla kwindlu ngendlu kubonisa ukuba unomnqweno wokunika abanye ithuba lokuva isigidimi soBukumkani. Ngoko qiniseka ukuba uyabuyela apho ubuhambise khona uncwadi ebudeni benyanga kaJanuwari, ekubeni oku kuyeyona ndlela entle yokubonisa ukuba ubakhathalele abanye.
2 Usenokubuyela apho ubuhambise incwadi ethi “Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena” usebenzisa intshumayelo emfutshane efana nale:
◼ “Iinkokeli zehlabathi namhlanje azikwazanga ukuzisa uxolo nonqabiseko. NguYehova uThixo kuphela onokwenza oko. IBhayibhile ibonisa oko kuza kwenziwa nguThixo kungekudala ukuzisa iimeko ezilunge ngakumbi kulo mhlaba. [Xubusha iingongoma ezifanelekileyo ezikwisiqendu 6 kwiphepha 7-9.] Ndingathanda ukukubonisa indlela le ncwadi engakunceda ngayo.” Yenza amalungiselelo okubuyela ukuze uqhubeke nengxubusho.
3 Ukuba umninimzi akathabathanga ncwadi, kodwa ubonise umdla kwisigidimi sethu, usenokuzama le ntshayelelo:
◼ “Ndivuya kakhulu ukukufumana usekhaya kwakhona. Xa bendikutyelele kwixa elidluleyo ubonise umdla kwidinga leBhayibhile elikwiSityhilelo 21:3, 4. Namhlanje ndifuna ukukubonisa indlela uThixo aya kulizalisekisa ngayo idinga lakhe lokwenza lo mhlaba ube yiparadisi. Phawula oko kuchazwe apha kwiNdumiso 37:9-11. [Yifunde.] UThixo uza kutshabalalisa abantu abangendawo. Ngaba ubungathanda ukuba phakathi kwabo bathobekileyo abaya kuziyolisa ngobuninzi boxolo? [Vumela impendulo.] Kwakhona phawula indinyana 29 neyama-34. Ndingakuvuyela ukubuyela ukuze ndiqhubeke nengxubusho yethu ngexesha elikufaneleyo.” Ngokuxhomekeka kwimeko oyifumanisayo usenokuthanda ukuhambisa iphephancwadi lakutshanje. Yenza amalungiselelo aqinisekileyo okubuyela.
4 Usenokubuyela apho ubuhambise khona incwadana enemifanekiso ethi “Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?” usebenzise eli cebiso:
◼ “Kwixa elidluleyo ndikushiyele umbhalo wale ncwadana inemifanekiso, ephakamisa lo mbuzo obalulekileyo: ‘Ngaba ngokwenene uThixo usikhathalele?’ Wakuba uhlolisise le ncwadana inemifanekiso, sisiphi isigqibo ofikelele kuso? [Vumela impendulo.] Mhlawumbi ukhuthazekile kukufunda izibhalo ezithembisa ihlabathi elitsha eliyiparadisi, apho sinokuhlala ngoxolo. [Mbonise imifanekiso ekwiphepha 2 nelesi 3, uze umbonise izinto ezinomtsalane ngehlabathi elitsha.] Ndiqinisekile ukuba wena nabantu obathandayo ningathanda ukuphila ubomi benu kwihlabathi elinjengeli. Phawula oko isiqendu 16 kwiphepha 31 esikuthethayo ngoku.” Sifunde esi siqendu, uze ubonise ukuba ukufuna uYehova kuthetha ukufunda okungakumbi ngaye neenjongo zakhe ngokufundisisa iLizwi lakhe, iBhayibhile.
5 Ukuze sibuyele ngokuphumelelayo, simele sibonise ukuba sibakhathalele abantu. Kuya kukunceda ukukhumbula imigaqo emithathu esisiseko. Yiba bhetyebhetye. Umninimzi usenokuba akakuqhelanga ukubekela ecaleni ixesha lengxubusho yeBhayibhile. Betha koomofu. Musa ukuhlala ixesha elide kakhulu okanye ugubungele iingongoma ezininzi xa usaqala. Ngokuqhelekileyo, xa uphinda umtyelela uya kukwamkela kakuhle gqitha ukuba ugubungela nje iingongoma ezimbalwa kwixesha elifutshane. Yiba nobubele nobuhlobo. Bonisa umninimzi ukuba unomdla wobuqu kuye. Eyona nto siyifuna ngokukhawuleza kukuncokola nomninimzi ngeZibhalo. Emva koko sifuna ukuqalisa isifundo seBhayibhile sekhaya esiphumelelayo.
6 UYehova umisele umzekelo ogqibeleleyo njengoMalusi onothando ozikhathaleleyo izimvu zakhe. (Hez. 34:11-14) Imigudu yethu yokunyaniseka yokuxelisa inkathalo yakhe enothando iyamkholisa, ibonisa uthando esinalo, yaye izisela abanye iintsikelelo.