Okumele Kukhunjulwe Ngunobhala Nomveleli Wenkonzo
Nyaka ngamnye kwenziwa isaziso kwinkupho kaFebruwari yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani ichazela unobhala nomveleli wenkonzo ukuba “bahlolisise umsebenzi wabo bonke oovulindlela abathe ngxi.” Iyintoni injongo yolu hlolisiso? Kukubona abo basenokuba bafuna ukuncedwa ukuze bafikelele isisikelo seeyure ngaphambi kokuba unyaka wenkonzo uphele.
Oovulindlela abathe ngxi kufuneka banikele iiyure ezili-1 000 nyaka ngamnye kubulungiseleli. Ekupheleni kukaFebruwari, abanye oovulindlela bafumanisa ukuba basemva, yaye oku kusenokubadimaza. Abadala banokusoloko bebanceda oovulindlela, babakhuthaze baze babanike amacebiso asebenzisekayo. Oku kusenokubanceda oovulindlela bafikelele iiyure ezifunekayo ngokuphumelelayo kunokuba babuyeke ubuvulindlela.
Ngokuqinisekileyo oovulindlela baya kuyixabisa inkxalabo yabadala kule nkalo. Kwakhona ibandla liya kungenelwa ngokuba noovulindlela abonwabileyo kubulungiseleli babo, ababambelela ngokuthembekileyo kwisabelo sabo.