Ukwakhana Xa Sisentsimini
1 Sonke siyakuthanda ukukhuthazwa ‘lilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.’ (IMize. 25:11) Sinokuqiniseka njani ukuba incoko yethu iyakhuthaza xa sisebenza nabanye abazalwana noodade entsimini?
2 Incoko Ekhuthazayo: Kukhuthaza ngokwenene ukuncokola nangezinto zokomoya xa sisenza umsebenzi wokushumayela! (INdu. 37:30) Sinokuthetha ngentshumayelo esiyisebenzisayo okanye sibaliselane amava akhuthazayo akutshanje entsimi. (IZe. 15:3) Ngaba kukho ingongoma ebangel’ umdla esiye sayifumana kufundo lweBhayibhile lwakutshanje, kumaphephancwadi asandul’ ukuphuma, okanye kwintlanganiso yebandla? Mhlawumbi singancokola nangeengongoma esizive kwintetho yesidlangalala esandul’ ukunikelwa kwiHolo yoBukumkani.
3 Sinokuthezek’ amandla xa umninimzi esiphikisa de asoyise. Kuya kusinceda kakhulu ukuba siziphe imizuzwana embalwa emva kokuba siphume kuloo ndlu ukuze sincokole naloo mntu sihamba naye ngendlela loo meko enokusingathwa ngayo kwixa elizayo, mhlawumbi sijonge incwadi ethi Ukuqiqa. Ukuba kukho into esiyithandileyo kwintshumayelo yaloo mntu sihamba naye, ukumncoma kuya kumkhuthaza.
4 Makuqale Wena: Ngaba bakho abantu esigqibele kudala ukuhamba nabo kwiqela lesifundo sencwadi esikulo? Ukucela ukuhamba nabo entsimini kunokuphumela ekubeni ‘nikhuthazane.’ (Roma 1:12) Oovulindlela abathe ngxi nabangabancedani bayakuvuyela ukusebenza nabanye abavakalisi, ngokukodwa ngenj’ ixukuxa okanye ukuthambeka kwelanga, xa bembalwa abavakalisi abasentsimini. Sinokubaxhasa ngokuhamba nabo entsimini. Ngaba ukho umvakalisi ophazanyiswa yimpilo ukuba angabi negalelo elaneleyo entsimini? Ukulungiselela ukuhamba naye, mhlawumbi niye kuqhuba isifundo seBhayibhile, kunokunceda.—IMize. 27:17.
5 Amazwi ancomayo navakalisa uxabiso asoloko ebakhuthaza abantu, kwanokuba incinane loo nto bayenzileyo. Simele siyikhumbule loo nto xa sihamba nabanye abavakalisi entsimini, kuba sifuna ‘ukuhlala sisakhana.’—1 Tes. 5:11.