Nceda Abanye Bangenelwe
1 UYehova uthembisa ukusifundisa oko kufuneka sikwazi. KwiNdumiso 32:8 usiqinisekisa ngelithi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo: ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.” Esi siqinisekiso siyingenelo kakhulu kuthi. Ngokungazingci sifuna ukubonisa abanye indlela abanokungenelwa ngayo ngokuthobela isiluleko sobulumko esifumaneka eBhayibhileni. (Isa. 48:17) NgoSeptemba sinokukwenza oku ngokuhambisa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade. Xa silungiselela iintshumayelo zethu, kukho iindlela ezahlukeneyo esinokubonisa ngazo ukuxabiseka kweBhayibhile.
2 Ngenxa yokwanda kweengxaki zomtshato namhlanje, usenokukhetha ukubalaselisa lo mbandela kwincwadi ethi “Unokuphila Ngonaphakade”:
◼ “Abantu abaninzi endithethe nabo bakuxhalabele ngamandla ukwanda okuxhomis’ amehlo kokungonwabi emtshatweni noqhawulo-mtshato. Uvakalelwa njani ngale ngxaki? [Vumela impendulo.] Abaninzi baye ababaqonda oonobangela boku. Ukuba zenza umgudu onyanisekileyo, izibini aziyi kusindisa umtshato wazo nje kuphela kodwa zinokufumana nolonwabo lokwenene. Isikhokelo sempumelelo sifumaneka ekusebenziseni isiluleko seBhayibhile.” Funda amaEfese 5:28, 29, 33. Tyhila kwiphepha 243, xubusha isiqendu 16 nese-17, wandule ke uhambise le ncwadi.
3 Abantwana bafuna ixesha elixabisekileyo noqeqesho lwabazali babo. Ekubalaseliseni incwadi ethi “Unokuphila Ngonaphakade” usenokuthi:
◼ “Thina sonke silixhalabele ikamva labantwana bethu. Ngokoluvo lwakho, yiyiphi eyona ndlela ilungileyo abazali abanokubanceda ngayo abantwana babo bafumane ikamva elinqabisekileyo? [Vumela impendulo.] Khawuphulaphule eli cebiso lomzekeliso weBhayibhile elabhalwa kwiminyaka enokuba ngama-3 000 eyadlulayo. [Funda IMizekeliso 22:6.] Ngoxa abantwana bethu benokungenelwa kakhulu kwimfundo abayifumana esikolweni, olona qeqesho luxabisekileyo banokulufumana ekhaya kubazali babo. Lufuna ixesha, ingqalelo nothando, kodwa luwufanele umgudu.” Tyhila kwiphepha 245, xubusha isiqendu 20 nesama-21, wandule ke ucacise indlela le ncwadi enokusetyenziswa ngayo njengesiseko sesifundo sentsapho seBhayibhile.
4 Usenokuthanda ukuhambisa incwadi ethi “Unokuphila Ngonaphakade” ngokubonisa indlela umhlaba oya kwenziwa ngayo ube yiparadisi:
◼ “Ndiqinisekile ukuba uyixhalabele indlela obuya kuba yiyo ubomi bakho kwixesha elizayo. KuMthandazo weNkosi, uYesu wasifundisa ukuthandazela intando kaThixo ukuba yenziwe apha emhlabeni njengasezulwini. Uya kuba njani umhlaba xa oko kuzalisekile? [Vumela impendulo.] Lo ngumfanekiso womzobi wehlabathi eliyiparadisi. [Mbonise umfanekiso okwiphepha 12 nele-13. Yandula ke ufunde uIsaya 11:6-9, ocatshulwe kwisiqendu 12.] Ngaba akuyi kuba mnandi ukuphila kwihlabathi elinje? Le ncwadi iza kukubonisa indlela wena nentsapho yakho eninokuphila ngayo kwiparadisi enjengale.”
5 Ukulungiselela intshumayelo yakho kusengaphambili ngundoqo ukuze ube nempumelelo emzini. Ngaphambi kokuba unkqonkqoze, qiniseka ukuba unento ekhethekileyo onokuthetha ngayo esekelwe eZibhalweni. Kwakhona, engqondweni yakho yiba namagqabaza amafutshane angokuthile okubangela umdla kwiphephancwadi okanye iphecana oceba ukulihambisa ukuba incwadi ayamkelwa. Waxhakamfule onke amathuba onawo okuhlwayela imbewu yenyaniso yoBukumkani ngoSeptemba. (INtshu. 11:6) Uya kuba unceda abanye bazuze iingenelo eziya kuhlala zikho ngonaphakade.