Buyela Kubo Bonke Ababonise Umdla Ukuze Bangenelwe
1 Sonke sifanele sikuphaphele ukubuyela kwabo babonise umdla esibafumene entsimini. Bambi banoluvo lokuba kuhle ukubuyela kumntu othabathe uncwadi kuphela. Noke ke, oku akuchananga. Naphi na apho kukho umntu obonise umdla nokuba mncinane kwisigidimi soBukumkani, sifuna ukwenza konke okusemandleni ukunceda loo mntu. Ngoko sibuyela sinenjongo yokuhlakulela umdla waloo mntu nokuqalisa isifundo seBhayibhile. Olo lusukelo lwethu kwanaxa singashiyanga ncwadi. Sinokukwenza njani oku?
2 Ukuba incoko yakho kwixa elidluleyo ibingokwanda kweengxaki zomtshato namhlanje waza washiya incwadi ethi “Unokuphila Ngonaphakade,” usenokuyiqalisa ngale ndlela incoko yakho:
◼ “Kutyelelo lwam oludluleyo, sithethe ngomtshato nangesiluleko seBhayibhile sobulumko esinokusinceda sifumane ulonwabo olungakumbi. Aliyonyaniso na elokuba kwanakwiintsapho ezonwabileyo, maxa wambi kuvela iingxaki? [Vumela impendulo.] IBhayibhile isinika isiluleko esisemagqabini esinokusinceda sicombulule iingxaki kulwalamano lwentsapho. Intsapho inokusikelelwa ngokufundisisa iBhayibhile kunye.” Tyhila kwiphepha 246, uze uxubushe isiqendu 23. Funda uYohane 17:3, uze umthembise ngokunceda intsapho yakhe iqalise isifundo seBhayibhile sekhaya.
3 Ukuba ubuthethe ngabantwana noqeqesho abalufunayo, usenokuqhubeka nengxubusho ngale ndlela:
◼ “Kwixa elidluleyo sithethe ngoqeqesho lokomoya olufunekayo ebantwaneni nendlela abazali abanokubanceda ngayo. Abazali abaninzi iyabothusa ihambo embi yabantu abaselula abaninzi namhlanje. Ucinga ntoni . . . ? [Khankanya umzekelo wokuziphatha okubi kolutsha okusoloko kubonwa kwindawo ohlala kuyo. Vumela impendulo.] Makhe ndikubonise elinye icebiso lobulumko elifumaneka eBhayibhileni.” Tyhila kwisiqendu 22 kwiphepha 246 kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, xubusha ingongoma eyintloko uze ufunde amaEfese 6:4. Lenze licace mhlophe elokuba abantwana abaninzi bafuna uqeqesho nokhokelo. Xa abazali bekhuthele ekulunikeleni, abantwana bonwaba ngakumbi baze babe nentlonelo ngakumbi kwindlela abaziphatha ngayo. Cacisa indlela esiyifundisisa ngayo iBhayibhile nabantwana bethu.
4 Ukuba kwincoko yakho ubuthethe ngomhlaba oyiParadisi, ngoko usenokuthetha oku xa uvuselela umdla:
◼ “Siye sahlolisisa imifanekiso ekule ncwadi esibonise oko umhlaba uya kuba kuko xa uThixo ewenza iparadisi. Oko bekungayi kusivuyisa kakhulu ukuba besingenakukunandipha kunye nabantu bethu esibathandayo. Akunjalo na?” Vumela impendulo. Yandula ke utyhile kwiphepha 162 kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade. Funda ISityhilelo 21:3, 4, uze ucacise indlela abafileyo bethu esibathandayo abanokuhlala benathi ngayo. Ukuba kukho intsabelo entle, funda uYohane 5:28, 29 ukuze ubonise ukuba abafileyo baya kubuyela ebomini. Mbonise iqweqwe lale ncwadi uze uthi: “Kuyinyaniso ngokwenene—sinokuphila ngonaphakade kwiParadisi esemhlabeni!” Lungiselela ukubuyela kwakhona ukuze uxubushe isizathu sokuba sazi ukuba ikufuphi.
5 Eyona njongo iphambili yokubuyela kukunceda abantu abanomdla bangenelwe kwisigidimi soBukumkani. Abantu abaninzi bafuna okuthile okuza kushukumisa umdla wabo ngezinto zokomoya. Babonise iingongoma ezithile ezixabisekileyo kuncwadi lwethu, ubethelela indlela ezinokubanceda ngayo bayiqonde ngakumbi iBhayibhile. Ukubuyela ukuze kufikelelwe olu sukelo kuya kunceda abanye bangenelwe ngeyona ndlela ilungileyo.