Fumana Iingenelo KwiSikolo Sobulungiseleli SobuThixo Sowe-1996—Icandelo 2
1 Emva nje kokusekwa kweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngowe-1943, elinye lamasebe oMbutho lathi: “Eli lungiselelo libalaseleyo liye laphumelela ngexeshana elingephi ekuncedeni abazalwana abebecinga ukuba abanakuze babe zizithethi zasesidlangalaleni ezityibilikayo eqongeni baze babe nempumelelo ngakumbi entsimini.” Esi sikolo sisaqhubeka sinikela uqeqesho olusemagqabini, esilufunayo sonke.
2 Ufundo LweBhayibhile: Asingabo banikwe iintetho kuphela abangenelwayo kwesi sikolo. Eneneni, sonke sinesabelo—ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki. Ucwangciso lwesikolo lubonisa izahluko zeBhayibhile eziza kufundwa veki nganye. Kukho amazwi akhumbuzayo aseZibhalweni asikhumbuza ngokubaluleka kokufunda iBhayibhile yonke imihla. (Yosh. 1:8; INdu. 1:2; IZe. 17:11) Ufundo lweBhayibhile lubalulekile ukuze sibe sempilweni ngokomoya; londla ingqondo nentliziyo. Ukuba sifunda iBhayibhile ubuncinane imizuzu emihlanu ngosuku, siya kukwazi ukuhambisana nolu cwangciso. Ekupheleni konyaka, siya kube sifunde izahluko ezili-150 zeLizwi likaThixo. Ukuba iBhayibhile ihlala ikufutshane kuthi, sifanele sikwazi ukufunda inxalenye yayo yonke imihla.
3 Intetho Efundisayo: Ukuze sishukumisele abazalwana ukuba bakhonze ngokunyaniseka nangenzondelelo, isithethi esinikela intetho efundisayo kufuneka sisebenzise iindlela zokufundisa eziphumelelayo, ukuze sidlulisele ukuqonda, size sakhe uxabiso ngoYehova, ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe. Abadala nezicaka zolungiselelo banokukwenza oku ngokulungiselela kakuhle, ngokuvisisanisa intetho yabo nomxholo, ngokuthetha ngolweyiseko nangokwenza umbandela ucace. (Heb. 4:12) Kubalulekile ukuba isithethi silibambe ixesha esilinikiweyo. Incwadi ethi “Sonke ISibhalo” izele ziindinyana zeBhayibhile ibe inemibandela yeZibhalo ebangel’ umdla esinokungenelwa kuyo ngokomoya. Incwadi ethi Abavakalisi iqulethe imbali yezi mini yentlangano kaYehova ebonakalayo kwaye ibalisa nangeziganeko ezenzeka kubomi babantu bokwenene ababonakalisa ukholo, inzondelelo, ukuzinikela nothando. Isifundisa okuninzi ngelifa lethu lobuthixo nendlela uYehova aye wabasikelela ngayo abantu bakhe kula maxesha anamhlanje.
4 Iimbalasane ZeBhayibhile: Abazalwana ababelwe le ntetho bafanele bakhethe iindinyana ezithile abanokuzisebenzisa ukuze kungenelwe ibandla. Oku kufuna ukuba bazifunde izahluko abazabelweyo, bacamngce ngazo baze baphande ngeendinyana abazikhethileyo ukuze bafumane iingongoma eziya kucacisa intsingiselo yezo zibhalo. Ngasemva kwi-Watch Tower Publications Index, kukho indawo ethi “Scripture Index [Isalathiso SeZibhalo],” enokuba luncedo ekufumaneni inkcazelo engeendinyana ezithile zeBhayibhile. Abazalwana abasingatha le ntetho bafanele basebenzise ingqiqo baze bakuphephe ukufaka umbandela ongenanto yakwenza nentetho. Abafanele balungiselele umbandela omninzi abangenakuwugubungela ngemizuzu emithandathu.
5 Sonke sinokungenelwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Sinokusinceda siphucule ubuchule bethu bokuthetha nobokufundisa. Ukulisebenzisa kakuhle eli lungiselelo ngokuqinisekileyo kuya kusinceda senze ‘uhambelo-phambili lwethu lubonakaliswe kubantu bonke.’—1 Tim. 4:15.