Ukulungiselela—Isitshixo Sempumelelo
1 Ukulungiselela intsimi kusengaphambili kuya kukunceda woyise nawaphi na amathandabuzo osenokuba nawo ngokuba nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini. Xa usiya emizini, uya kuyazi into ofuna ukuyithetha kubaninimzi. Akuyi kufuneka ucinge ngeengxaki osenokujamelana nazo. Xa ubuyela ekhaya usuka enkonzweni, uya kuziva ukhuthazekile, usazi ukuba wenze umzamo omhle kubulungiseleli. Ewe, ukulungiselela kakuhle kusisitshixo ekuphuculeni ubuchule bethu bokushumayela nobokufundisa.
2 UPawulos wayebalaselisa ukulungiselela xa wayesikhuthaza esithi ‘iinyawo zethu masizifake isixhobo seendaba ezilungileyo zoxolo.’ (Efe. 6:15) Oku kuquka ukulungisa iingqondo neentliziyo zethu nokuba nembono entle kunye nesimo sengqondo esivumayo. Xa sikulungiselele ukwabelana nabanye ngenyaniso, ukubulaleka kwethu kuya kuvuzwa ngesiqhamo soBukumkani, nto leyo eya kusivuyisa.—IZe. 20:35.
3 Indlela Yokulungiselela Umsebenzi Wokushumayela: Sifanele sikhethe intshumayelo esilungeleyo, mhlawumbi phakathi kwezo zicetyiswe kwincwadi ethi Ukuqiqa okanye kwezifumaneka kwiphepha elingasemva kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Camngca ngesibhalo oceba ukusisebenzisa, uze uphawule amagama okanye amabinzana oya kuwabalaselisa ukuze ucacise ingongoma eyintloko. Akukho mfuneko yakude uyicengceleze intshumayelo; kunoko, kuhle uyazi into ofuna ukuyithetha, uyibeke ngawakho amazwi, uze uyichaze ngendlela ocinga ukuba iya kuba nomtsalane kumphulaphuli wakho.
4 Hlola impapasho ocinga ngokuyihambisa, uze ukhethe iingongoma ezibangel’ umdla oya kuthetha ngazo. Khetha into ocinga ukuba iya kubangel’ umdla kubantu abakwintsimi yakho. Cinga ngendlela oya kuyihlengahlengisa ngayo intshumayelo yakho ukwenzela abaninimzi abahlukeneyo—indoda, ibhinqa, umntu okhulileyo, okanye oselula.
5 Ngaba ukhe walinga ukuba namaxesha okuqhelisela? Hlanganisa amalungu entsapho okanye abanye abavakalisi ukuze nixubushe ngeentshumayelo eziya kuba nempumelelo, nandule ke niziqhelisele ngokuvakalayo ukuze zibetheleleke ezingqondweni zenu nonke. Zamani ukulinganisa iimeko namazwi enkcaso enisenokudibana nawo ngokwenene entsimini. Ukuqhelisela okunjalo kuya kuyiphucula indlela otyibilika ngayo xa uthetha, kwandise impumelelo yakho ekushumayeleni kuze kukwenze ube nentembelo.
6 Ukongezelela ekulungiseleleni nasekuqheliseleni intshumayelo yakho, ufanele uzibuze, ‘Ngaba impahla endiceba ukuyinxiba ibufanele ubulungiseleli? Ngaba ndiziphethe izinto ezifunekayo kwingxowa yam yeencwadi, kuquka uncwadi endiceba ukuluhambisa? Ngaba lukwimo entle? Ngaba ndiyiphethe incwadi yam ethi Ukuqiqa, amaphecana, ingxelo yendlu ngendlu, nento yokubhala?’ Ukucingisisa kusengaphambili kuya kuba negalelo kusuku olunempumelelo enkonzweni.
7 Sakuba senze konke okusemandleni ekuzilungiseleleni, sifanele sithandazele umoya kaYehova usincede sibe nempumelelo. (1 Yoh. 5:14, 15) Ukunikela ingqalelo ngenyameko ekulungiseleleni kuya kusenza sifumane uvuyo olukhulu emsebenzini wethu, njengoko ‘sibufeza ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu.’—2 Tim. 4:5.