Bancede Bakhonze Kwakhona
1 Eyiqonda ingozi yokomoya esenokwehlela amaKristu awayekhonza kunye nawo, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Sele kulilixa lokuba nivuke ebuthongweni, kuba ngoku usindiso lukufuphi ngakumbi kunangexesha esathi saba ngamakholwa ngalo.” (Roma 13:11) UPawulos wayebaxhalabele abazalwana bakhe abathi bozela ngokomoya; wayekuxhalabele ukubavuselela ukuze basebenze ngokutsha.
2 Sinokutsho sinyanisile ukuba ubusuku beli hlabathi lidala buhambile yaye kuza ukukhanya kwehlabathi elitsha. (Roma 13:12) Sinesizathu esihle sokubaxhalabela abazalwana bethu abaye bayeka ukunxulumana nathi njengabashumayeli beendaba ezilungileyo. Kulo nyaka wenkonzo uphelileyo, kweli loMzantsi Afrika nje kuphela, bangaphezu kwe-1300 abavakalisi abaye bavuselelwa. Singabanceda njani abanye abantu abapholileyo ukuba bakhonze uYehova kwakhona?
3 Oko Kunokwenziwa Ngabadala: Inkoliso yabantu abapholileyo ayiyilahlanga kwaphela inyaniso; baye bayeka ukushumayela ngenxa nje yokudimazeka, iingxaki zobuqu, izinto eziphathekayo, okanye amanye amaxhala obu bomi. (Luka 21:34-36) Ukuba kunokwenzeka, kulunge ngakumbi ukuba sibancede ngaphambi kokuba baphole. Unobhala webandla ufanele azise umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla xa kukho umvakalisi oxhiphulisayo ekunikeleni ingxelo yomsebenzi wenkonzo. Kunokwenziwa amalungiselelo otyelelo lokwalusa. Bafanele bazame ukufumanisa isizekabani sengxaki nendlela anokuncedwa ngayo.—Bona IMboniselo kaSeptemba 15, 1993, iphepha 20-3.
4 Indlela Abanokunceda Ngayo Abanye: Inkoliso yethu inomntu emaziyo oye waphola. Isenokuba ngumntu owayesondelelene kakhulu nathi ngaphambili. Yintoni esinokuyenza ekuncedeni? Mtyelele nje ngokufutshane. Mxelele ukuba uyalukhumbula unxulumano lwakhe. Yiba ngowonwabileyo nowakhayo. Mchazele ngokuxhalaba kwakho kodwa ungamxeleli ukuba uyagula ngokomoya. Mbalisele amava akhayo okanye ezinye izinto ezintle eziqhubekayo ebandleni. Ngehlombe mxelele ngeNdibano YeSithili “Yabathunywa Boxolo Lobuthixo” eza kuba sekupheleni kwalo nyaka, uze umkhuthaze ukuba abekho kuyo. Ukuphinda anxulumane nebandla kunokumnceda ngaphezu kwayo nayiphi na enye into. Cela ukuhamba naye ukuya kwiintlanganiso. Yazisa abadala ngentsabelo oyifumeneyo.
5 Xa umntu obepholile ebuyela kwiintlanganiso, mhlawumbi uya kuziva eneentloni xa edibana nabanye ebebazi kwixa elidluleyo. Musa ukumbuza oku, “Ubukade uphi?” Kunoko, menze azive esekhaya. Mbandakanye encokweni. Mazise kwabanye angabaziyo. Hlala naye kwiintlanganiso, uqinisekise ukuba unalo iculo nombandela ofundisiswayo. Mkhuthaze ukuba aphinde abuye, uze umncede xa kuyimfuneko.
6 Ekubeni benomsa ofudumeleyo ngabo baye baphambuka, uYehova noYesu bavuya kakhulu xa abantu abanjalo bechacha ngokomoya. (Mal. 3:7; Mat. 18:12-14) Nathi sinokuba novuyo olunjalo ukuba siyaphumelela ekuncedeni abanye bakhonze uYehova kwakhona.