IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/97 iphe. 3
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Amanqaku Afanayo
  • Luxhase Ngokupheleleyo Ucwangciso LweNtlanganiso Yesidlangalala Yebandla Lakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Ibhokisi Yemibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Ndinokuphumelela Njani Njengesithethi?
    Vukani!—2004
  • Zukisa UThixo Hayi Umntu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 9/97 iphe. 3

Isingxobo Semibuzo

◼ Yintoni efanele yenziwe xa isithethi sesidlangalala esabelweyo singafiki kwangexesha kuloo ntlanganiso?

Ngamathub’ athile, iimeko ezingaphephekiyo ziya kumthintela umzalwana ekufikeni kwangexesha ukuza kunikela intetho yakhe. Ukuba kukho isizathu sokukholelwa kwelokuba uza kufika ekuhambeni kwexesha, abadala basenokugqiba ekubeni baqhubeke neSifundo seMboniselo; iNtetho Yesidlangalala inokulandela emva kwaso. Kuthekani ukuba kubonakala ukuba eso sithethi asizi kufika? Mhlawumbi esinye sezithethi zasekuhlaleni sinokunikela nayiphi na intetho esele siyilungiselele.

Ukuceba kwangaphambili ngenyameko kudla ngokuyithintela le ngxaki. Umzalwana okhupha izabelo zeentetho ufanele adibane nesithethi ngasinye ubuncinane sekusele iveki ukusikhumbuza ngesabelo saso. Ufanele asikhumbuze nangexesha leentlanganiso, ikhelingi yeHolo yoBukumkani nenombolo yomnxeba yalo, aze asalathise kakuhle indlela eya eholweni. Isithethi sona sifanele siziphawule ngenyameko ezi nkcukacha. Sifanele sisithabathe nzulu isabelo saso, sihlengahlengise naziphi na izinto zobuqu ukuze siphumeze esi sabelo. Ukuba kuvela into engaphephekiyo eya kusenza singaphumeleli, sifanele siqhagamshelane nomzalwana okhupha izabelo zentetho yesidlangalala ngokukhawuleza ukuze kufunwe umntu oza kuthabath’ indawo yaso. Kufanele kwenziwe unako-nako ukuphepha ukwenziwa kotshintsho ngomzuzu wokugqibela. Ukuba isithethi sibambezelekile yaye siza kufika emva kwexesha ngemizuzwana nje embalwa, sinokutsalel’ umnxeba kwiHolo yoBukumkani ukuze abazalwana babone abamele bakwenze.

Ukuba noxabiso ngezabelo zentetho yesidlangalala, ukuceba ngenyameko nokukhunjuzwa kwangaphambili, nokulungelelaniswa kwezinto kakuhle kunokuqinisekisa ukuba ibandla liya kuba nentetho yesidlangalala eyingenelo veki nganye.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share