Isingxobo Semibuzo
◼ Xa ibandla licelwa ukuba lifak’ isandla kumalungiselelo omngcwabo, kusenokuphakama le mibuzo ilandelayo:
Ngubani ofanele anikele intetho yomngcwabo? Esi sisigqibo esifanele senziwe ngamalungu entsapho. Asenokukhetha nawuphi na umzalwana obhaptiziweyo onokuma okuhle. Ukuba iqumrhu labadala licelwa ukuba lilungiselele isithethi, ngokuqhelekileyo liya kukhetha umdala onobuchule anikele intetho esekelwe kulwandlalo loMbutho. Nangona engayi kudunyiswa umfi, kusenokuba yinto efanelekileyo ukutsalel’ ingqalelo kwiimpawu zakhe ezingumzekelo aye wazibonakalisa.
Intetho yomngcwabo inokusungulwa ize iqukunjelwe ngengoma nomthandazo. Injongo yale ntetho asikokuxabela iinkolelo zonqulo lobuxoki kunoko kukuthuthuzela abafelweyo nokuphakamisa uYehova njengoThixo wothando nenceba. Umzalwana akayi kuvumela umntu wehlabathi abe nenxaxheba kuloo mngcwabo njengoko oko kunokuwenza uphelele ekubeni yinkonzo kazwelonke.
Ngaba inokusetyenziswa iHolo yoBukumkani? Ingasetyenziswa ukuba kufunyenwe imvume kwiqumrhu labadala yaye ukuba oko akuphazamisani neentlanganiso eziqhutywa rhoqo. Iholo inokusetyenziswa ukuba umfi ubenodumo oluhle yaye elilungu okanye umntwana omncinane welungu lebandla. Ukuba loo mntu ubedume kakubi ngehambo engeyoyabuKristu, okanye ukuba kukho ezinye izinto ezinokulenza lijongwe kakubi ibandla, abadala basenokugqiba ekubeni ingasetyenziswa iholo.—Bona incwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 62-3.
Ngokuqhelekileyo, iiHolo zoBukumkani azisetyenziselwa imingcwabo yabantu abangakholwayo. Phofu ke isenokusetyenziswa ukuba amalungu aphilayo entsapho anxulumana nathi ngokukhutheleyo njengabavakalisi ababhaptiziweyo, ukuba umfi ubesaziwa yinkoliso ebandleni njengobenesimo sengqondo esihle ngenyaniso yaye enodumo oluhle ngenxa yehambo entle ekuhlaleni, yaye ukuba akukho masiko ehlabathi aza kwenziwa kuloo nkonzo yomngcwabo.
Xa bekhupha imvume yokusetyenziswa kweHolo yoBukumkani, abadala baya kuhlolisisa enoba kuvumelekile kusini na ngokwesiko ukubakho komkhumbi emngcwabeni. Ukuba kunjalo, basenokuvuma ukuba ungeniswe eholweni.
Kuthekani ngokungcwatywa kwabantu behlabathi? Ukuba umfi ubenodumo oluhle ekuhlaleni, umzalwana othile usenokunikela intetho ethuthuzelayo yeBhayibhile kwikhaya elinomngcwabo okanye emangcwabeni. Ibandla aliyi kukuvuma kwaphela ukuqhuba umngcwabo womntu obesaziwa njengobeziphethe kakubi, njengobenehambo eqaqadekileyo okanye ohambo yakhe ibichasene mpela nemigaqo yeBhayibhile. Ngokuqinisekileyo umzalwana ebengayi kuvuma ukwabelana nomfundisi ekuqhubeni inkonzo apho bekuya kutshila iimvaba ngeemvaba okanye kuwo nawuphi na umngcwabo oqhutyelwa kwicawa yeBhabhiloni Enkulu.
Kuthekani ukuba umfi ubesusiwe kubudlelane? Ngokuqhelekileyo ibandla belingayi kuba nanxaxheba. IHolo yoBukumkani ibingayi kusetyenziswa. Ukuba loo mntu ubebonakalisa inguquko yaye ebonakalisa nomnqweno wokubuyiselwa, umzalwana othile isazela sakhe sisenokumvumela ukuba anikele intetho yeBhayibhile kwikhaya elinomngcwabo okanye emangcwabeni, ukuze anikele ubungqina kubantu abangakholwayo nokuthuthuzela izalamane zakhe. Noko ke, ngaphambi kokuba enze esi sigqibo, bekuya kuba bubulumko ngaloo mzalwana ukudibana nequmrhu labadala aze ahlolisise oko lisenokukuncomela. Kwiimeko apho bekungayi kuba bubulumko ngaloo mzalwana ukuba azifake koku, kusenokuba yinto efanelekileyo ngomzalwana olilungu lentsapho yomfi ukuba anikele intetho ukuxolisa izalamane zakhe.
Ulwalathiso olubhekele phaya lunokufunyanwa kwiMboniselo kaOktobha 15, 1990, iphepha 30-1; kwekaMatshi 1, 1982, iphepha 25; kwekaSeptemba 15, 1980, iphepha 5-8; kwiWatchtower kaJuni 1, 1978, iphepha 5-8; kwiWatchtower kaJuni 1, 1977, iphepha 347-8; kwekaDisemba 1, 1970, iphepha 455-6; nakuVukani! kaSeptemba 8, 1990, iphepha 26-7 nokaOktobha 8, 1977, iphepha 16-20. Kwakhona bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 1987 iphepha 4.