Isingxobo Semibuzo
◼ Ziziphi iimpapasho ezifanele zifakwe kwithala leencwadi leSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo?
Kuye kwalungiselelwa intaphane yeempapasho zokomoya ukwenzela abantu bakaThixo. Ekubeni uninzi lwabavakalisi lungenazo zonke ezi ngokobuqu, ithala leencwadi leSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo elikwiHolo yoBukumkani lenza kube lula ukuphanda kwiimpapasho ekusenokwenzeka ukuba azifumaneki. Ngaloo ndlela, lifanele libe neenguqulelo zeeBhayibhile ezahlukeneyo, iimpapasho zangoku zoMbutho, UBulungiseleli Bethu BoBukumkani, imiqulu yeMboniselo noVukani! yesiNgesi, neeIndex zeWatch Tower Publications. Ukongezelela, kufanele kufakwe nesichazi-magama esiluncedo sezi mini. Ukuba ziyafumaneka, iintyila-lwazi, iincwadi zeemaphu, okanye iincwadi zeembekiselo zegrama nezembali zisenokuba luncedo. Noko ke, sifanele sinikele ingqalelo enkulu kwiimpapasho ezilungiselelwe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mat. 24:45.
Maxa wambi kunikelwa ingxelo yokuba kwithala leencwadi leSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kufakwa neencwadi ezithandabuzekayo. Ibingayi kuba yinto efanelekileyo ukufaka iincwadi zamabali, iincwadi ezingohlalutyo oluqatha lweBhayibhile, okanye ezingeentanda-bulumko okanye ezingokusebenzelana nemimoya. Ithala leencwadi leSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo lifanele liquke kuphela umbandela oya kubanceda abo balisebenzisayo baqhubeke besenza inkqubela ngokomoya.—1 Tim. 4:15.
Yimbopheleleko yomveleli wesikolo ukunyamekela ithala leencwadi, nangona kusenokwabelwa omnye umzalwana ukunceda ekulinyamekeleni. Ufanele aqiniseke ukuba ithala leencwadi ligcinwa lisexesheni, yaye kongezelelwa neempapasho ezintsha ngokukhawuleza zakuba zifumaneka. Incwadi nganye ifanele ibhalwe igama lebandla ngokucacileyo ngaphakathi eluqweqweni. Nyaka ngamnye, ezi ncwadi zifanele zihlolwe ukubona enoba kufuneka zilungiswe okanye zitshintshwe kusini na.
Wonk’ umntu unokufak’ isandla ekunyamekeleni ithala leencwadi. Ezi ncwadi zifanele ziphathwe yaye zisetyenziswe ngobunono. Akufanele kuvunyelwe abantwana badlale ngazo, kungenakuvunyelwa nawuphi na umntu azibhale. Kufanele kubekho umqondiso ocacileyo wokuba azifanele ziphume kwiHolo yoBukumkani ezi ncwadi.
Ekubeni kusoloko kuyilwa amabandla amatsha, kunokwenzeka ukuba amathala amaninzi eencwadi ayalambatha. Bambi abavakalisi abaneempapasho zethu ezindala basenokucinga ngokuzinikela ebandleni. Abadala basenokuthanda ukuodola imiqulu yoMbutho yeMboniselo ephinde yashicelelwa. Ngezi ndlela, ithala leencwadi leSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo liya kungqineka liluncedo gqitha ekuncedeni bonke bembe ubutyebi beLizwi likaThixo obufihliweyo, obunika ulwazi, ubulumko nokuqonda.—IMize. 2:4-6.