Beka Izinto Ezibaluleke Ngakumbi Kuqala
1 Ziziphi ezinye zezinto ezibaluleke ngakumbi kwimpilo-ntle yethu yokomoya? Ngokuqinisekileyo ziquka ufundisiso lobuqu, ukubakho kwiintlanganiso, ukuzingisa emthandazweni, unxulumano oluhle nobulungiseleli bamaKristu. Asinakuyilondoloza kakuhle impilo yethu yokomoya ngaphandle kokugcina izinto ezibalulekileyo kuqala ebomini bethu.
2 Noko ke, sonke kufuneka silwe nxamnye neminqweno yenyama yaye siyalufuna uqeqesho. (Gal. 5:17) Singaze sizive sinokuzuza okungakumbi ngokusukelana nezilangazelelo zokuzingca. (Yer. 17:9) Ngoko ke, ukuze sigcine iintliziyo zethu nokuze siphephe ukulahlekiswa, kufuneka sizihlo-le rhoqo.—IMize. 4:23; 2 Kor. 13:5.
3 Hlola Intliziyo Yakho: Unokwenjenjalo ngokuzibuza eminye yale mibuzo ingqalileyo: Ngaba ndiyakulangazelela ukufunda iLizwi likaThixo? (1 Pet. 2:2) Ngaba ndiyakuqonda ukubaluleka kokubakho kuzo zonke iintlanganiso zebandla? (Heb. 10:24, 25) Ngaba ndiyazingisa emthandazweni? (Roma 12:12) Ngaba ndinxulumana nabantu bokomoya? (Roma 1:11, 12) Ngaba ndiziva ndinembopheleleko yokuvakalisa iindaba ezilungileyo? (1 Kor. 9:16) Iimpendulo ezivumayo ziya kukubonisa ukuba unomnqweno wokubeka izinto ezibaluleke ngakumbi kuqala.
4 Hlola Ucwangciso Lwakho Lwamihla Le: Kufuneka ugqibezele uhlolisiso lweminqweno yentliziyo yakho ngokusebenzisa ixesha lakho kwizinto ezibalulekileyo. Oku kuquka ukucwangcisela ixesha lokufunda rhoqo iBhayibhile nazo zonke iinkupho zeMboniselo noVukani!, nelokulungiselela iintlanganiso. Umele ubekele bucala nexesha lofundisiso lwentsapho nelokuthandaza kunye. Linciphise ixesha olichitha uqolozele kumabonwakude okanye kwikhompyutha. Zimisele ukubakho kuzo zonke iintlanganiso zebandla, uze yonke enye into uyibekele ecaleni. Cwangcisela ukuba yonke intsapho ibe nesabelo kwinkonzo yasentsimini veki nganye.
5 Ngaphandle kwamathandabuzo, ukubeka izinto ezibaluleke ngakumbi ebomini bethu kuya kungqineka kungunobangela wovuyo.