Zisebenzise Kakuhle Izimemo
1 Izimemo zebandla ziluncedo ekwaziseni abantu basekuhlaleni ngekhelingi yeHolo yoBukumkani nexesha elililo leentlanganiso. Bekuya kuba kuhle ukushiya sibe sinye kumntu ngamnye othethe naye. Ngenxa yoko, ibandla ngalinye lifanele ligcine isixa esaneleyo sezimemo esitokhweni. Kumabandla atshintsha amaxesha eentlanganiso minyaka le ngoJanuwari, kufanele kuodolwe izimemo ezitsha ebudeni bukaOktobha owandulelayo unyaka nonyaka ukuze kusoloko kukho isixa esinexesha elililo. Ifomu yeSicelo Sezimemo ifanele isetyenziselwe le njongo. Xa sele nizifumene, ezi zimemo zinokusetyenziswa njani ngendlela eyingenelo?
2 Abavakalisi abaninzi bafumanisa ukuba ukunika umntu isimemo kuyindlela esebenzisekayo yokuzazisa nokuqalisa incoko. Ukumbonisa ucwangciso lweentlanganiso okanye isigidimi esingasemva kwaso kusenokuvula indlela ekhokelela kwingxubusho ephathelele umsebenzi wethu nenjongo yawo. Abazali basenokubandakanya abantwana babo abaselula kubulungiseleli ngokubanika izimemo ukuze bazihambise ezindlwini. Abavakalisi ababa nesabelo ekunikeleni ubungqina ngeeleta bafanele bafake isimemo kwileta yabo baze bammeme loo mntu ukuba aye ezintlanganisweni. Izimemo zisenokushiywa kumakhaya angenabantu, ukuba nje zifakwa ngenyameko phantsi kocango ukuze zingabonakali konke konke.
3 Izimemo ziye zasebenziseka ekwalathiseleni abantliziyo zinyanisekileyo enyanisweni. Kwamanye amava kubaliswa ngelinye ibhinqa elathi, ngenxa yesimemo, lakwazi ukwanelisa umnqweno ekwakukudala linawo wokuqonda iBhayibhile. Emva kokuba lichithe ubusuku lithandaza kuThixo, isibini esingamaNgqina sankqonkqoza emnyangweni walo kusasa. Emva kokuba likrobe kumngxuma oselucangweni, lakhwaza lisithi alinakukwazi ukuvula emnyango. La maNgqina afaka isimemo phantsi kocango. Sasifundeka ngolu hlobo: “Yazi IBhayibhile Yakho.” Lasibona laza lawuvula umnyango. Kwaqaliswa isifundo ngokukhawuleza, ibe kamva labhaptizwa. Ngamana singazisebenzisa kakuhle izimemo njengoko sibuphumeza ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu, singawajongeli phantsi amandla omoya kaThixo.—Bona uBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaFebruwari 1994, iphepha 1.