‘Siwuxhobele Ngokupheleleyo Wonke Umsebenzi Olungileyo’
1 Namhlanje abantu bakaYehova basikelelwa ngentabalala yokutya okunesondlo kokomoya. (Isa. 25:6) Ininzi gqitha inkcazelo engokweZibhalo esinokuyifumana kufundisiso lobuqu kwisifundo sentsapho nakwiintlanganiso zebandla, kwiindibano ezincinane nezinkulu. Kodwa ngaba siyisebenzisa ngokupheleleyo sinenjongo ‘yokufaneleka ngokuzeleyo, siwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo’?—2 Tim. 3:17.
2 Khawucinge nje ngetafile yokomoya yonyaka we-1998, osele usalelwe sisiqingatha sokugqibela! Kwiintlanganiso zebandla zeveki ngeveki, sigubungela iimbalasane zeencwadi ezingama-23 zeZibhalo zamaKristu zesiGrike, sixubushe inkcazelo efumaneka kwiMixholo YeBhayibhile Yengxubusho, size siqwalasele amaphepha ali-138 encwadi ethi Abavakalisi. Kwakhona sixubusha isinye kwisithathu sencwadi ethi Ulwazi, size siphantse siyigubungele yonke incwadi ethi Ulonwabo Lwentsapho, yaye incwadi ethi Ilizwi LikaThixo siyifunda siyigqibe. Ukongezelela koko, sondliwa ngeenkupho ezili-12 zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani, amanqaku afundwayo eMboniselo angama-52, kunye neentetho zesidlangalala ezikwalelo nani ezixubusha ngemibandela yeBhayibhile eyahlukeneyo. Ucwangciso olunesondlo lweendibano ezinkulu nezincinane luyongezelela kuyo yonke le ntabalala. Obunjani ubuncwane bezinto zokomoya ezilungileyo esiye sabulungiselelwa!
3 Waxabise Amalungiselelo KaYehova: Ukuze singenelwe ngokuzeleyo, kufuneka sisiqonde isizathu sokuba uYehova alungiselele intabalala enjalo yokomoya. Ukuzondla ngezi zinto zilungileyo kwakha ukholo lwethu yaye komeleza ulwalamano lwethu naye. (1 Tim. 4:6) Noko ke, ukutya kokomoya akulungiselelwanga kufundisa thina nje kuphela. Kusishukumisela ukuba sabelane nabanye ngenyaniso yaye kuyasixhobisa ukuze sibe nempumelelo ekwenzeni oko njengabalungiseleli beendaba ezilungileyo.—2 Tim. 4:5.
4 Masingazilibali iintswelo zethu zokomoya, kodwa masisoloko sihlakulela ulangazelelo lwamalungiselelo atyebileyo nazisa ulwaneliseko lokomoya avela kwitafile kaYehova. (Mat. 5:3; 1 Pet. 2:2) Ukuze singenelwe ngokuzeleyo kufuneka sizibekele ixesha elaneleyo lezinto ezibalulekileyo ezinjengofundisiso lobuqu kunye nesifundo sentsapho seBhayibhile size siye rhoqo ezintlanganisweni. (Efe. 5:15, 16) Imivuzo eyonwabisayo yokwenjenjalo iya kuvisisana namazwi akhuthazayo uPawulos awawabhalela amaKristu athembekileyo angamaHebhere, njengoko ebhalwe kweyamaHebhere 13:20, 21.