‘Sondliwa Ngamazwi Okholo’
1 Ukuphila ngozinikelo lobuthixo kufuna ukuzibhokoxa. (1 Tim. 4:7-10) Ukuba besinokuzama ngamandla ethu besiya kukhawuleza sidinwe kukuphila ngale ndlela. (Isa. 40:29-31) Enye indlela esinokuwafumana ngayo amandla kuYehova ‘kukondliwa ngamazwi okholo.’—1 Tim. 4:6.
2 Ukutya Kokomoya Okutyebileyo: UYehova usilungiselela ukutya okutyebileyo kokomoya esebenzisa iLizwi lakhe ‘nekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45) Ngaba sidlala indima yethu ukuze singenelwe kuko? Ngaba sifundisisa iBhayibhile suku ngalunye? Ngaba sinamaxesha esiwabekele bucala okufundisisa nokucamngca? (INdu. 1:2, 3) Ukutya kokomoya okunentswane ngolo hlobo kuyasomeleza kuze kusikhusele kwiingozi zehlabathi likaSathana. (1 Yoh. 5:19) Ukuba sizalisa iingqondo zethu ngezinto ezakhayo size sizisebenzise ebomini bethu, uYehova uya kuba nathi.—Fil. 4:8, 9.
3 Kwakhona uYehova usomeleza ngeentlanganiso zebandla. (Heb. 10:24, 25) Imfundo yokomoya nonxulumano olwakhayo esilufumana kwezi ntlanganiso ziyasomeleza ukuze sikwazi ukuxhathisa izilingo. (1 Pet. 5:9, 10) Enye intombazana engumKristu yathi: “Ndidimazeka kakhulu xa ndisesikolweni. Kodwa iintlanganiso zinjengamanzi entlango, ziyandihlaziya ndize ndikwazi ukuqhubeka ndisiya esikolweni.” Hayi indlela esisikelelwa ngayo ngomgudu esiwenzayo wokuya ezintlanganisweni!
4 Ukuvakalisa Inyaniso: Ukushumayela kubantu kwakunjengokutya kuYesu. Kwakumhlaziya. (Yoh. 4:32-34) Ngendlela efanayo, nathi xa sithetha nabanye ngezithembiso zikaThixo, siziva sihlaziyekile. Ukuxakeka kubulungiseleli kugcina iintliziyo neengqondo zethu zitsoliswe kuBukumkani nakwiintsikelelo ezizayo. Loo nto isihlaziya ngokwenene.—Mat. 11:28-30.
5 Hayi indlela esinelungelo ngayo ngokondliwa ngokutya kokomoya okutyebileyo uYehova akulungiselele abantu bakhe namhlanje! Ngamana singaqhubeka simdumisa ngovuyo.—Isa. 65:13, 14.