Utyelelo Olunokuba Yintsikelelo
1 UZakeyu wakuvuyela ukwamkela uYesu njengondwendwe kwikhaya lakhe. Ibe hayi indlela olwaba yintsikelelo ngayo olo tyelelo!—Luka 19:2-9.
2 Namhlanje, njengeNtloko yebandla, uYesu Kristu walathisa abadala ukuba ‘baluse umhlambi kaThixo.’ (1 Pet. 5:2, 3; Yoh. 21:15-17) Ukongezelela ekufundiseni ezintlanganisweni nasekuthabatheni ukhokelo kwinkonzo yasentsimini, abaveleli bebandla banikela uncedo lobuqu lothando kumalungu ngamanye ebandla. Ngoko ke, usenokulindela ukuba ngaxa lithile abadala banikele ingqalelo yobuqu kuwe, enoba kusekhaya, kwiHolo yoBukumkani, xa nikunye kwinkonzo yasentsimini okanye nangezinye izihlandlo. Ngaba umele woyike xa utyelelwe ngabadala? Akunjalo konke konke. Utyelelo lwabo aluthethi kuthi kukho indawo osilela kuyo. Ngoko ke, iyintoni injongo yotyelelo lokwalusa?
3 UPawulos wathi ufuna ukutyelela abazalwana ukuze ‘abone ukuba banjani na.’ (IZe. 15:36) Ewe, njengabalusi abanothando, abadala banomdla gqitha kwimpilo yakho. Bafuna ukunikela uncedo lokomoya olusenokukunceda yaye lukwakhe. UMalusi onothando uYehova ufuna ngamnye wethu afumane loo nkathalo yobuqu.—Hez. 34:11.
4 Lwamkele Utyelelo Lwabadala: Usukelo lukaPawulos xa wayetyelela abazalwana bakhe ‘yayikukunikela isiphiwo esithile sokomoya kubo ukuze benziwe baqine; okanye, kunoko, ukuze kubekho ukwabelana ngokhuthazo.’ (Roma 1:11, 12) Sonke siyalufuna ukhuthazo lokomoya kule mihla yamanqam, kwaye siyalufuna uncedo ukuze siqhubeke siqinile elukholweni. Alithandabuzeki elokuba ukulwamkela kwakho ngezandl’ ezishushu utyelelo lokwalusa kuya kubangela ukuba kubekho ukwabelana ngokhuthazo oluhle.
5 Zixabise iingenelo ezininzi ezinokufunyanwa kumsebenzi wabadala wokwalusa. Ukuba kukho umbandela okanye umbuzo okuxhalabisayo, khumbula ukuba indima yabadala ebandleni kukunikela uncedo. Musa ukulibazisa ekuwuseni kubo nawuphi na umbandela osenokuba uchaphazela impilo-ntle yakho yokomoya. Lixabise eli lungiselelo lothando likaYehova, kwaye yivuyele intsikelelo eziswa lolo tyelelo.