Ukuqalisa Izifundo Ngencwadana Enemifanekiso Ethi Okufunwa NguThixo
1 Iingxelo ezisuka ehlabathini lonke zibonisa ukuba incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? sisixhobo esinamandla sokufundisa abantu inyaniso. Veki nganye kuqaliswa amawaka ezifundo zeBhayibhile ngale ncwadana inemifanekiso. Ngaba uye wanempumelelo ekuqaliseni nasekuqhubeni isifundo seBhayibhile kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo?
2 Ngoxa abaninzi bekufumanisa kulula ukuhambisa le ncwadana inemifanekiso, bambi abayazi into amabayithethe ukuze baqalise isifundo. Ziziphi iindlela abanye abaye bazifumanisa ziphumelela ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile besebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo? La macebiso alandelayo afanele abe luncedo.
3 Cela Ukumbonisa Indlela Esiqhutywa Ngayo Isifundo: Xa utyelela okokuqala okanye ubuyela, kunokuba ucele ukumqhubela isifundo seBhayibhile umninimzi, sinokwenza umboniso wendlela isifundo seBhayibhile esiya kuqhutywa ngayo. Oku kuya kudambisa uloyiko nenkxalabo abaninimzi abaninzi ababa nayo ngokunxulumene negama elithi “isifundo.” Nje ukuba sifunde ukubonisa indlela esiqhutywa ngayo, siya kufumanisa ukuba ngentshayelelo elula, singaqalisa isifundo.
4 Ukulungiselela Ngundoqo: Ihlombe lethu lokuqalisa izifundo zeBhayibhile ngokungqalileyo linxibelelene nokulungiselela kwethu kakuhle. Ukulungiselela kwangaphambili kuya kusinceda soyise nakuphi na ukuthandabuza esinokuba nako kumsebenzi wokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Ngokuziqhelisela izihlandlo ezininzi intshayelelo zethu, siya kuba ngathi siyancokola ngakumbi, siya kukwazi ukuthetha ngendlela eqhelekileyo nangamazwi ethu. Oku akusayi kusinceda sikhululeke nje kuphela kodwa kuya kwenzela lula nomninimzi.
5 Xa uqhelisela, kuhle ukulijonga ixesha lentshayelelo yakho ukuze ukwazi ukwazisa umninimzi ixesha oya kulithabatha ukumbonisa indlela yokuqhuba isifundo. Ngemva kokuzazisa, omnye umzalwana uthetha enjenje: “Ndithe mandidlule ukuze ndikubonise ucwangciso lwethu lwesisa lokufundisisa iBhayibhile. Kuthabatha malunga nemizuzu emihlanu ukukubonisa indlela yokusiqhuba. Unalo ixesha elingangemizuzu emihlanu?” Umboniso wesifundo 1 sencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ungenziwa ngemizuzu emalunga nemihlanu. Kakade ke, zizibhalo ezikhethiweyo kuphela ezingafundwa kulo myinge wexesha, kodwa ngokugqiba isifundo sokuqala ngemizuzu engephi, umninimzi uqhutyelwe isifundo sakhe sokuqala. Ngoko ke mazise ukuba xa ubuyela uze kufunda Isifundo 2, uya kuchitha imizuzu eli-15 kuphela.
6 Le ntshayelelo ilandelayo iye yangqineka iphumelela:
◼ “Bendingathanda ukukubonisa esona sifundo seBhayibhile sakhe salula kodwa esikhawulezayo ndisebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Abaninzi baye bafumanisa ukuba kwimizuzu nje eli-15 ngeveki kwisithuba seeveki ezili-16, bangafumana iimpendulo ezanelisayo zeZibhalo zale mibuzo ibalulekileyo yeBhayibhile.” Ngokufutshane mbonise iziqulatho. Tyhila kwiSifundo 1, uze uthi: “Ukuba unako ukusipha malunga nemizuzu emihlanu, singathanda ukukubonisa indlela okusebenza ngayo oku. Isifundo 1 sinomxholo othi ‘Indlela Onokukufumanisa Ngayo Oko UThixo Akufunayo.’” Emva koko funda imibuzo yomithathu, yaye uchaze amanani akwizibiyeli. Funda isiqendu 1, uze ubonise umninimzi indlela yokufumana impendulo. Umninimzi usenokucelwa afunde isiqendu 2. Yandula ke uthi: “Ngokusekelwe kule nkcazelo, ubungawuphendula njani lo mbuzo? [Funda umbuzo kwakhona, uze uvumele umninimzi agqabaze.] Uya kuphawula ukuba kukho izibhalo kwisiqendu ngasinye. Zalathisa ingqalelo yethu kwiimpendulo zeBhayibhile zale mibuzo. Ngokomzekelo, masifunde eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17 size sibone enokuba iyayixhasa kusini na impendulo oyinikeleyo ephathelele umbhali weBhayibhile.” Emva kokufunda isiqendu 3, ubuze umbuzo, uze ufunde uYohane 17:3, tsalela ingqalelo yomninimzi kulwazi aye walufumana ngokwenza impinda yeSifundo 1. Ngesi sihlandlo unokutyhila kwiSifundo 2 uze ufunde umbuzo wokugqibela othi, “Ziziphi iindlela ezimbini esinokufunda ngazo ngoThixo?” Yandula ke ubuze: “Unganayo nini imizuzu eli-15 ukuze sifunde Isifundo 2 size sifumane impendulo?”
7 Kubalulekile ukuyigcina ilula ingxubusho yaye umncome umninimzi nanini na kunokwenzeka. Xa ulungiselela olunye utyelelo, kunokumbuza enoba uyafuna ukuqhubeka, mkhuthaze ukuba enze okufanayo nakwisifundo esilandelayo. Menze azi ukuba ukhangele phambili ekubuyeni. Bambi abavakalisi baye bacela ukuqhuba isifundo ngomnxeba xa kunzima ukwenza ucwangciso. Unokumkhuthaza umfundi ukuba abeke incwadana enemifanekiso kwindawo efanelekileyo, ukuze ifumaneke kufutshane kutyelelo oluzayo.
8 Zimisele: Ngoxa undoqo wempumelelo ikukulungiselela, simele sizimisele ukubuyela. Ukuqhuba isifundo ngemizuzu engephi kunokuba lucelomngeni, ngoko ke zimisele ukuqhelisela intshumayelo yakho izihlandlo ezininzi kangangoko kunokwenzeka ukuze utyibilike xa ubonisa indlela yokusiqhuba. Zama ukwenza umboniso wokuqhutywa kwesifundo naye nabani na odibana naye emnyango, ngokungacwangciswanga, naxa unikela ubungqina ngomnxeba. Ukuba unobunzima ekuqaliseni isifundo seBhayibhile, musa ukudimazeka. Impumelelo ekuqaliseni isifundo seBhayibhile ifuna uzimiselo nomnqweno onyanisekileyo wokudlulisela inyaniso kwabanye.—Gal. 6:9.
9 Ngokusebenzisa la macebiso, nawe ngokufanayo unokuba nelungelo lokunceda uthile ahambe endleleni yobomi, ngokuqalisa nokuqhuba isifundo seBhayibhile kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo.—Mat. 7:14.