Ukusebenzisa Incwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo Xa Sifundisa
1. Incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo yenziwe njani?
1 Njengoko sekuchaziwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJulayi, esinye sezixhobo zethu zokufundisa esibalulekileyo yincwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! Izibhalo ezibonisiweyo azicatshulwanga ukuze abaninimzi bonwabele ukufunda ngokusuka eBhayibhileni. Nangona uninzi lweencwadi zethu zokufundisa lubhalwe ngendlela yokuba umfundi akwazi ukuzifundela, le ncwadana yenziwe ngohlobo lokuba uyixubushe nomntu okufundisayo. Ngoko ke, xa siyihambisa, sifanele sizame ukubonisa umninimzi indlela yokuyifunda ukuze abone indlela ekumnandi ngayo ukufunda iindaba ezilungileyo eBhayibhileni.—Mat. 13:44.
2. Singayisebenzisa njani incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo kutyelelo lokuqala?
2 Kutyelelo Lokuqala: Usenokuthi: “Ndilapha ukuze ndithethe ngekamva kuba abantu bayazibuza ukuba liza kuphelela phi. Ucinga ukuba iimeko ziya kuze zitshintshe? [Mvumele aphendule.] IBhayibhile ineendaba ezimnandi ezinokusinika ithemba. Nantsi eminye yemibuzo ephendulwa yiBhayibhile.” Nika umninimzi le ncwadana, uze umcele ukuba akhethe umbuzo okwiphepha elingasemva. Emva koko bonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo usebenzisa isiqendu sokuqala sesifundo asikhethileyo. Enye indlela kukubuza umninimzi umbuzo obangela umdla osekelwe kwisifundo esikhethwe nguwe, uze ubonise indlela le ncwadana enokumnceda ngayo afumane impendulo yeBhayibhile. Ukuba kukho ividiyo ehambelana neso sifundo ku-jw.org/xh, abanye abavakalisi baye bayidlale xa bebonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo.
3. Cacisa indlela yokuqhuba isifundo usebenzisa incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo.
3 Indlela Yokuqhuba Isifundo: (1) Funda umbuzo ongqindilili ukuze utsalele ingqalelo yomfundi kweyona ngongoma iphambili. (2) Funda isiqendu esilandelayo. (3) Funda izibhalo ezikekelisiweyo, uze ubuze imibuzo eza kunceda umninimzi abone indlela eziwuphendula ngayo umbuzo ongqindilili. (4) Ukuba kusekho esinye isiqendu, phinda u-2 no-3. Ukuba kukho ividiyo ehambelana neso sifundo ibe awukambonisi umninimzi, mbonise ebudeni bengxubusho yenu. (5) Ekugqibeleni, buza umninimzi imibuzo engqindilili ukuze uqiniseke ukuba uyifumene ingongoma.
4. Yintoni eya kusinceda sisebenzise esi sixhobo sibalulekileyo ngobuchule?
4 Ziqhelanise nesi sixhobo sibalulekileyo. Sisebenzise nakweliphi na ithuba elivelayo. Ngaphambi kwesifundo ngasinye, cinga ngomfundi neyona ndlela yokuqiqa naye, usebenzisa izibhalo ezikweso sifundo. (IMize. 15:28; IZe. 17:2, 3) Njengoko ufumana amava nobuchule, le ncwadana usenokuyifumanisa isesinye sezixhobo ozithandayo zokufundisa abantu inyaniso!