Indlela Amalungu Entsapho Asebenzisana Ngayo Ukuze Abe Nenxaxheba Ngokuzeleyo—Kubulungiseleli
1 Yintoni enokuvuyisa ngaphezu kokubona amadoda nabafazi, abazali nabantwana besebenza kunye kubulungiseleli bobuKristu, belidumisa esidlangalaleni igama likaYehova? (INdu. 148:12, 13) Zonke iintsapho zifanele zibe nocwangciso oluhle lokuba nenxaxheba rhoqo kwinkonzo yasentsimini. Ngaba intsapho yakho inosuku veki nganye oluchithwa kubulungiseleli? Ukuba kunjalo, wonke ubani ukwazi kakuhle ukucwangcisa izinto aze abe nesabelo ngokuzeleyo.—IMize. 21:5a.
2 Kwangaphambi kosuku lwentsapho lwenkonzo, kutheni ningahlanganisani nize nilungiselele iintshumayelo eziza kusetyenziswa yintsapho yenu? Amaxesha okuqhelisela angaluncedo kakhulu, yaye anokukhuthaza umoya wentsapho wentsebenziswano yokwenene. Hayi indlela ekuvuza ngayo xa ubulungiseleli basentsimini ingumbandela wentsapho yaye onke amalungu elungiselele kakuhle!
3 Omnye umveleli ohambahambayo wayepheleke intsapho iphela kumsebenzi wamaphephancwadi. Xa wayesebenza kwindlu ngendlu nenye yamantombazana, yabuza: “Uza kusebenza ixesha elide kangakanani nam?” Yandula yachaza ukuba yayiza kusebenza noyise emva koko. Kwakucacile ukuba yona noyise babekunandipha ngokwenene ukusebenza kunye. Onjani ukuba mhle umoya wentsapho!
4 Zimbi iintsapho zinokukwazi ukuba ngoovulindlela babancedani kunye inyanga enye ebudeni bonyaka. Okanye kunokwenzeka ukuba ubuncinane ilungu elinye lentsapho likhonze njengovulindlela ongumncedani ngokuqhubekayo okanye lide libhalise njengovulindlela othe ngxi. Ngocwangciso oluhle nentsebenziswano, mhlawumbi onke amalungu endlu anokukwazi ukwandisa izabelo zawo zobuqu kwinkonzo ngokunikela inkxaso kulowo unguvulindlela. Ngokuqinisekileyo intsapho iya kusikelelwa ngalo msebenzi wandisiweyo nangamava amnandi ananditshwa kubulungiseleli.—Mal. 3:10.
5 Ukuba nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wokushumayela kuya kunceda iintsapho zihlale zisondelelene, zinenzondelelo, zinemveliso, yaye zonwabile enkonzweni kaYehova!—Thelekisa eyabaseFilipi 2:1, 2.