Sifundiswa NguYehova
1 Ngoku sithethayo ngaphantsi kolwalathiso lobuthixo ucwangciso lokufundisa lwezizwe ngezizwe luqhubeka kumazwe angama-233. Ayikho into enokunikelwa leli hlabathi engathelekiswa nalo. UMyaleli wethu Ozukileyo uYehova, usifundisa indlela esingangenelwa ngayo ngoku njengokuba esifundisela ubomi obungunaphakade.—Isa. 30:20; 48:17.
2 Izikolo Zemfundo Yobuthixo: Khawucinge nje ngezikolo eziqhutywa kanye ngoku ukuze kungenelwe abantu bakaYehova. ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, esiqhutywa veki nganye kumabandla anokuba ngama-87 000, siqeqesha izigidi zabavakalisi boBukumkani ukuze babe ngabalungiseleli abanobuchule beendaba ezilungileyo. Ngaba sele ubhalisile kuso? Ngaba uphakathi kwamawaka ebekho kwiSikolo Senkonzo Soovulindlela seeveki ezimbini? Mhlawumbi isisikelo seeyure esincitshisiweyo soovulindlela abathe ngxi siya kwenza abangakumbi babe ngoovulindlela yaye bafanelekele ukuya kwesi sikolo. ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli seenyanga ezimbini, ngoku siqhutywa ngazo zonke iilwimi eziphambili ehlabathini lonke, sixhobisa abadala abangatshatanga nezicaka zolungiselelo ukuze basingathe iimbopheleleko ezingakumbi zolawulo lobuthixo. Ngokuthe ngcembe, bonke abadala nezicaka zolungiselelo bafumana imfundo ekhethekileyo kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani.
3 Izakhiwo kwiZiko Lemfundo leWatchtower ePatterson, eNew York, zisetyenziselwa ukuqhuba izikolo ezithathu ezikhethekileyo, ezilungiselela uqeqesho lolawulo lobuthixo olusemagqabini. Imfundo ethabatha iinyanga ezintlanu yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi iqeqesha abalungiseleli kumsebenzi wobuvangeli basemazweni kwintsimi yasemzini. Amalungu ekomiti yesebe ehlabathini lonke aya kwisikolo seenyanga ezimbini esingokulungelelaniswa kwesebe. NgoMeyi 1999 kusungulwe esinye isikolo sabaveleli abahambahambayo esiqalise ngeklasi yabafundi abangama-48 abebevela eUnited States naseKhanada. Ekugqibeleni bonke abakhonzi bakaYehova bafumana iingenelo ezingathethekiyo kuqeqesho uYehova alulungiselele ngezi zikolo zahlukahlukeneyo.
4 Kufundiswa Ngayiphi Injongo? Ilungu leQumrhu Elilawulayo lathi: “Inkqubo yethu yangoku yokufundisa yenzelwe ukuze bonke abantu bakaYehova naphi na babe kwimeko entle yokuqola echazwe kwiMizekeliso 1:1-4.” Ngamana uYehova angaqhubeka enika ngamnye wethu “ulwimi lwabafundileyo.”—Isa. 50:4.