Ucwangciso Olutsha Lwendibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye
Ucwangciso lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye oluqalisa ngoSeptemba 1999 lunomxholo othi: “Ukuphengulula Izinto Ezinzulu ZikaThixo.” (1 Kor. 2:10) Ziziphi izinto ezibalulekileyo esiya kuzifunda?
Kwiphulo labo lokufuna ulwazi, abantu abaninzi abahlaziywa koko bakufumanayo. IBhayibhile iyasomeleza, njengoko kuza kuboniswa ngumveleli wesiphaluka kwinxalenye yakhe enomxholo othi “Ukuphengulula ILizwi LikaThixo Kuyahlaziya.” Isithethi esityeleleyo siya kunxibelelanisa phakathi kokuphengulula izinto ezinzulu zikaThixo nokushumayela iindaba ezilungileyo njengokuba siphendula umbuzo othi “Ukujonga Njani Ukushumayela NgoBukumkani?”
Abazali banokubanceda njani abantwana babo baphande nzulu eLizwini likaThixo? Amacebiso asebenzisekayo aya kunikelwa kwinxalenye ethi “Tsolisa ILizwi LikaThixo Ebantwaneni Bakho.” Ulutsha olungamaKristu luphenjelelwa ngendlela eyakhayo ngokunxulumana nabaqolileyo ngokomoya ebandleni. Imizekelo yendlela abaye baphenjelelwa ngokufanelekileyo ngayo iya kubalaseliswa kwinxalenye enomxholo othi “Ulutsha Olufunda Kwabakhulileyo.”
Kutheni sifanele sibuphengulule ngenkuthalo ubutyebi bokomoya obufihliweyo ngeli xesha? UYehova nguMtyhili weemfihlelo. Isithethi esityeleleyo siya kuchaza oko aye wakutyhila uYehova kumaxesha amandulo nanamhlanje kwintetho enomxholo othi “UYehova Uzityhila Ngokuthe Ngcembe Izinto Ezinzulu.” Oku kuya komeleza isigqibo sethu sokuqhubeka ‘siphengulula izinto ezinzulu zikaThixo.’
Ceba kwangoku ukuba ubekho. Abo bafuna ukufuzisela ukuzahlulela kwabo kuYehova ngokubhaptizwa bafanele bazise umveleli owongamelayo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Umnqweno wethu onyanisekileyo wokuphanda eLizwini likaThixo uya komelezwa koko sikuvayo. Ngoko ke musa ukuphoswa lolu suku lukhethekileyo lokufundiswa ngokomoya!