Yenza Amalungiselelo Kwangoku Okubakho KwiNdibano YeSithili “Yabathandi Benkululeko” Yowe-1991
1 Ngenxa yeemeko ezisehlabathini namhlanje, akumangalisi ukubona abantu kumazwe amaninzi belangazelela inkululeko engakumbi kunaleyo banayo. Kodwa inokufunyanwa phi inkululeko yokwenene? UYesu Kristu wathi: “Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yoh. 8:31, 32) Le nkululeko asiyiyo eyohlobo olusikelwe umda abantu abanethemba layo xa bengamfuni umlawuli othile wezobupolitika okanye uhlobo oluthile lorhulumente kuba befuna olunye. Kunoko, ibandakanya kanye isizekabani seengxaki zabantu. Oko uYesu wayethetha ngako kukukhululwa kubukhoboka obucinezelayo besono. (Bona uYohane 8:24, 34-36.) Ngaloo ndlela, xa umntu esiba ngumfundi wokwenyaniso kaYesu Kristu, oku kubangela inguqulelo ephawulekayo kubomi bakhe, kuzisa inkululeko.
2 INDIBANO YEENTSUKU EZINTATHU: Ungcelele lweeNdibano Zesithili “Zabathandi Benkululeko” zowe-1991 luya kuqala nge-10:20 kusasa ngoLwesihlanu, yaye indibano iya kuqukunjelwa ngeye-4:00 ngenjikalanga yangeCawa. Kucwangciso ngalunye kuya kunikelwa inkcazelo elungiselelwe kakuhle nebalulekileyo kwimpilo yethu yokomoya. Imixholo eyahlukahlukeneyo iya kubalaselisa indlela esinokuyifumana ngayo inkululeko ekuthethwe ngayo kumaRoma 8:21. Kuya kuphuhliswa inkcazelo eyakhayo yaye iya kunikelwa ngeentetho, ngemiboniso, ngodliwano-ndlebe nangomdlalo.
3 Yenza isigqibo sokuba ungaphoswa nayinxalenye enye yocwangciso. Oku kusenokufuna ukuzincama okuthile nohlengahlengiso kucwangciso lwakho. Kusenokufuneka ukuba wenze amalungiselelo akhethekileyo nomqeshi wakho. Abaninzi bade bancame nemali ukuze babekho kulo lonke ucwangciso. Ngokuqinisekileyo uYehova uya kubasikelela abo bakuthandazela ngokunyanisekileyo oku baze benze umgudu osuk’ entliziyweni wokubakho.—Luka 13:24.
4 FIKA NGETHUBA: AmaNgqina kaYehova aziwa njengabantu abanokuthenjwa nangokugcina kwawo ixesha. (Luka 16:10) Kwakhona oku kubalulekile naxa sisiya kwindibano yesithili. Fika kwangethuba suku ngalunye, uze uhlale phantsi ngaphambi kokuqalisa kocwangciso. Oku kuya kuthetha ukuba umele ube nexesha elaneleyo lokunyamekela imicimbi efuna ukunikelwa ingqalelo, njengokumisa inqwelo-mafutha yakho kwindawo efanelekileyo nokufumanela intsapho yakho izihlalo.
5 Ukubakho kwindibano yesithili kusivulela ithuba elihle lokunandipha unxulumano oluhle. Kodwa ukutyelela abahlobo de kube sebusuku kakhulu kunokuphazamisa imigudu yethu yokufika ngexesha ngosuku olulandelayo. Ukuvuka emva kwexesha uze ngenxa yoko wenze izinto ngokugxabha-gxabhisa kunokubangela ukunxunguphala nokuphoxeka. Ukuze sithintele oku, kuluncedo ukumisa ixesha elisengqiqweni lokulala. Ngokubambelela ngokungqongqo kolo cwangciso, kunokwenzeka ngakumbi ukuba sonke silale ngokwaneleyo ebusuku size sikwazi ukuvuka ngethuba ngosuku olulandelayo. Oku kuthintela ukufika ngoxa ucwangciso luqhubeka, nto leyo ebaphazamisayo nesenokubacaphukisa abo sele behleli phantsi. Ukufika kwangethuba suku ngalunye kuya kukuvulela ithuba lokunxulumana nabazalwana noodade bakho. Uthando lobuKristu nolwazelelelo, ndawonye nokuba nentlonelo ngoYehova nangezinto zokomoya asilungiselele zona, lufanele lusishukumisele ukuba senze konke okusemandleni ukuze sifike kwangethuba.
6 PHULAPHULA NGENYAMEKO: Ukuphulaphula kuthetha ukunikela ingqalelo ngokwenene ngeengqondo nangeentliziyo zethu, ngeendlebe nangamandla ethu okuqonda. Sifanele siphulaphule size ‘sive ilizwi likaYehova.’ (Yer. 2:4) KuIsaya 55:2 uYehova eyalela uSirayeli wathi: “Phulaphulani kum ninyameke.” Igama elithi “ninyameke” lichazwa njengelithetha “ukunikela ingqalelo ngamandla okanye ngolangazelelo.” Ukuba siyaphulaphula ebudeni bendibano, siya kukulangazelela ‘ukuva, siqokele ukufunda.’ (IMize. 1:5) Ngokuqhelekileyo ukuphulaphula nokufunda endibanweni yesithili kufuna umgudu nokunikela ingqalelo engakumbi kunokuba kudla ngokuba njalo kwiHolo yoBukumkani. Ngoba? Kuba sihlala ithuba elide ngakumbi, yaye zininzi izinto eziphazamisayo ekubeni bebaninzi abantu abakhoyo. Ukuba asiphulaphuli ngenyameko, siya kuzibandeza size siziphulukanise nelungelo lokungenelwa ngokuzeleyo kwisondlo esityebileyo sokomoya esilungiselelweyo. (1 Pet. 2:2) Yintoni esinokuyenza? Kuvuyisa gqitha ukubona ukuba abaninzi abeza ezindibanweni bebeziqhelisa umkhwa oluncedo wokubhala amanqaku ebudeni bocwangciso. Ngoxa ezinye zeentetho ezinikelwa endibanweni ziya kufumaneka kwezinye iimpapasho ekuhambeni kwethuba, ezinye aziyi kufumaneka. Sonke siyakhuthazwa ukuba sikwenze usukelo lwethu ukubhala amanqaku amafutshane ebudeni bendibano yesithili kuba leyo yindlela entle yokugcina ingqalelo yakho itsoliswe koko kuthethwayo.
7 Akuyomfuneko ukuba amanqaku abe made okanye kubhalwe zonke iinkcukacha. Ngokuqhelekileyo ibinzana elinye okanye amabini aya kuyikhanyisa ingongoma eyintloko. Kwanabantwana abancinane baya kungenelwa kakhulu kwiintetho yaye baya kuncedwa banikele ingqalelo ukuba banikwa incwadi yokubhala nosiba okanye ipensile ukuze babhale iingongoma nezibhalo eziziintloko okanye iingcamango ezintsha ezisenokunikelwa sisithethi. Abadala bakufumanisa kuluncedo ukuba namanqaku alungelelaniswe kakuhle ukuze bakwazi ukwenza impinda enentsingiselo yocwangciso lwendibano kwiNtlanganiso Yenkonzo emva kwendibano yesithili. Kwakhona, basenokunqwenela ukuquka uninzi lweengongoma ezinikelwe endibanweni ekufundiseni nakumsebenzi wabo wokwalusa.
8 MANYANANI NGENGOMA NANGOMTHANDAZO: Inxalenye yonqulo lwethu ibandakanya ukubeka uYehova ngokuvuma iingoma zokumdumisa, njengoko noYesu nabapostile bakhe benzayo. (Marko 14:26) Amazwi kaPawulos kweyoku-1 kwabaseKorinte 14:15 ngokuphathelele ukucula abonisa ukuba kwakuyinto eyayisenziwa rhoqo kunqulo lwamaKristu. (Bona kwanoBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaFebruwari 1990, iphepha 4, nobukaMatshi 1991, iphepha 3.) Iindibano zesithili zisivulela ithuba elikhethekileyo lokumanyana nabazalwana noodade bethu abangamawakawaka ekudumiseni uYehova ngengoma nangomthandazo. Noko ke, bambi baye babonakalisa ukungabi nantlonelo ngezi nxalenye zibalulekileyo zonqulo lwethu. Njani? Ngokuthi ngokungeyomfuneko bafike endibanweni ebudeni okanye emva kwengoma nomthandazo wokuvula. Xa kuqukunjelwa ucwangciso, bambi bayazishiya izihlalo zabo ebudeni bengoma okanye ngaphambi komthandazo. Kwizihlandlo ezinqabileyo kusenokubakho isizathu esivakalayo sokwenza oku. Phofu ke, ngaba kukubonakalisa intlonelo noxabiso olufanelekileyo ngesithebe sikaYehova ukuba bambi bayalityeshela ilungelo lokumanyana emculweni nasemthandazweni ukuze nje babe ngabokuqala ukudumisa iinqwelo-mafutha zabo okanye ukudla?—Mat. 6:33.
9 Simele silumkele ukuba singathi ngenxa yokufuna ukulungelwa kobuqu, sivumele isimo sengqondo sehlabathi sokuba ndim kuqala okanye iimpawu zokungahloneli Thixo ezinjengokubawa nokuzingca zidodobalise inkqubela yethu yokomoya. Kwiminyaka yakutshanje, inkoliso yabazalwana noodade bethu kumazwe aseMpuma Yurophu ekugqibeleni iye yafumana inkululeko yokucula nokuthandaza. Kanye njengoko bathi bakuvuyela ukukwazi ukucula nokuthandaza bebaninzi, ngamana nathi ngoku singabonakalisa umoya ofanayo wokuzixabisa izinto ezingcwele size singaze siwajongele phantsi amathuba ethu okucula nokuthandaza ndawonye.
10 ISIMILO SETHU SOBUKRISTU: Isimilo nenkangeleko yethu njengamaKristu kwiindibano zesithili ziye zaqhubeka zisizisela udumo oluhle njengamaNgqina kaYehova. Oku kungenxa yokuba siluthabatha nzulu unqulo lwethu kuYehova nangenxa yokuba ukuya kwethu endibanweni asikuthabathi njengethuba nje lokubethwa ngumoya. Xa sihlanganisana ngezihlandlo ezinjalo ezikhethekileyo, sifanele sisilondoloze isidima sethu sobuKristu nesimo sethu sengqondo esingokomoya ngokuziphatha njengabalungiseleli ngamaxesha onke.—1 Kor. 10:31-33.
11 Ukuba siyasilela ukwenza oku, sibenza abanye bangonwabi, yaye sikhubekisa nabasebatsha. Ngaba siyazixabisa yaye side sibe nombulelo ngezenzo ezincinane zobubele esizenzelwayo? Sifanele sikhumbule ukuba kukho abantu abasingqongileyo size sibonise intlonelo nolwazelelelo. Wonke umntu ufanele aqonde ukuba xa ucwangciso luqhubeka, elo lixesha lokuphulaphula, kungekhona elokuhla unyuka okanye uncokola.—Dut. 31:12.
12 Enye inkalo esinokumzukisa ngayo uYehova uThixo ngesimilo sethu sobuKristu kukwindlela esibaphatha ngayo abo basilungiselele iindawo zokuhlala kumakhaya abo. Simele sibonakalise ukuba ngabacocekileyo nabanolwazelelelo kungekuphela nje ngesinxibo nangehambo yethu koko kwanangendlela esiziphatha ngayo izinto zabanye. Yintoni enokubangela ukuba igumbi esiliqashileyo singalishiyi licocekile yaye libeth’ umoya? Ukungabacingeli abanye kungcolisa igama lethu elihle. Kwezi ndibano zesithili zizayo, sonke sifanele senze isigqibo sokuba ihambo yethu ‘iyivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke.’—Tito 2:10.
13 KUBAZALI: Abantwana abancinane nabakwishumi elivisayo bamkelekile yaye kulindelwe ukuba babekho kwiNdibano Yesithili “Yabathandi Benkululeko.” Inkululeko enikelwa lihlabathi inokukhokelela ekufeni kwabo ngokomoya, kanye njengokuba uAdam waphulukana nenkululeko eyayinikwe uluntu ekuqaleni. Intlangano kaYehova enothando isilungiselele sonke indlela echanileyo yokuqiqa ngalo mbandela. Siyakhuthazwa kukubona abaselula abafunde ukunikela ingqalelo ngenyameko kuzo zonke iintlanganiso zamaKristu nabanomdla onzulu kucwangciso lwendibano. (INdu. 148:12, 13) Kodwa ubukhulu becala oku kuxhomekeke kumzekelo nakulwalathiso lwabazali. Abaninzi abaselula baye baqeqeshwa kakuhle ukuba babhale amanqaku. Ukuba okwangoku akukabafundisi abantwana bakho indlela yokubhala amanqaku, kutheni ungalisebenziseli ukwenjenjalo eli thuba liseleyo langaphambi kwendibano yenu? Kwanabona bancinane banokukhuthazwa ukuba babhale izibhalo ezicatshulwayo namagama aziintloko anxulumene nazo abawave kwizithethi. Bambi abazali balungiselela ukwenza impinda yeengongoma eziziintloko kucwangciso losuku emva kokubuyela kwiindawo abahlala kuzo okanye ngoxa bebuyela ekhaya.
14 Kambe ke, inkoliso yabazali iyaqonda ukuba utyekelo lwemvelo lwabantwana kukudlala. Abanamava ngobomi, yaye abakakhuli. Ngoko ke, bafanele bafundiswe ngexesha lokunikel’ ingqalelo nendlela yokuziphatha ezintlanganisweni. Oku kuthetha ukuba abazali bamele babe neliso elibukhali. Bambi abazali baye bayekelela kule nkalo. Maxa wambi, nangona abazali besenokuba babonakalisa intlonelo efanelekileyo ngoYehova ebudeni bemithandazo, abantwana babo bayadlala yaye baphazamisa abanye. Abazali bafanele bakwazi oko kwenziwa ngabantwana babo nasebudeni bomthandazo. Kwakhona, yintoni abayenzayo xa bezishiyile izihlalo zabo ebudeni bocwangciso? Ngaba abantwana bashiywa bodwa ebudeni okanye emva kocwangciso lwendibano? (IMize. 29:15) Bambi abantwana baye babonisa ukungaqeqesheki nokuswela isimilo yaye bade babonise nentswela-mbeko kubazalwana noodade abakhulileyo abebezama ukubalungisa ngobubele. Ngokufuthi ukungabi nasimilo okunjalo nehambo engeyoyabuKristu ibangelwa kukuyekelela nokungabikho kwengqeqesho ekhaya. Ngokuqinisekileyo oku kufanele kulungiswe. Bonke abazali abangamaKristu bafanele babe neliso elibukhali kubantwana babo ngamaxesha onke njengoko bebakhulisela “ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.”—Efe. 6:4.
15 INTSEBENZISWANO YENU EPHELELEYO IYAXATYISWA: Kuye kwenziwa amalungiselelo nomsebenzi omkhulu ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho izihlalo, uncwadi, ukutya okwaneleyo nezinye izinto eziyimfuneko ukwenzela bonke abeze endibanweni. Ukuze kuqinisekwe ngokuphumelela kwala malungiselo, ibandla ngalinye liye labelwa ngokukhethekileyo kwindibano ethile. Intsebenziswano yenu epheleleyo ibalulekile ukuze kuthintelwe ukuzala kakhulu. Kambe ke, kusenokubakho iimeko ezenza kube yimfuneko ngabambalwa ukuba baye kwindibano ekomnye ummandla. Noko ke, inkoliso ifanele ikwazi ukuya kwindibano eyabelwe kuyo.—1 Kor. 13:5; Fil. 2:4.
16 Kucelwa intsebenziswano yenu epheleleyo kumbandela wokubekelana izihlalo. Nceda ukhumbule ukuba IZIHLALO ZISENOKUGCINELWA KUPHELA AMALUNGU ENTSAPHO YAKHO NABASENOKUBA BAHAMBA NAWE KWINQWELO-MAFUTHA YAKHO. Nceda ungagcineli abanye izihlalo. Maxa wambi, kugcinwa izihlalo ezingakumbi kungekho mntu uza kuhlala kuzo. Oku kukungabi naluthando yaye kuyabakhohlisa abalindi nabanye abakhangela izihlalo ezinokufumaneka. Ngokuvisisana nesiluleko seBhayibhile, sifanele sizabalazele ukubonakalisa uthando lobuzalwana size sisebenzisane ngokupheleleyo nelungiselelo elinconyelweyo ngokuphathelele ukugcinela abanye izihlalo. Akukho namnye unelungelo lokugcina izihlalo ezingaphezu kwezo ziza kufunwa ngamalungu entsapho yakhe okanye abahamba naye ngenqwelo-mafutha.—2 Pet. 1:7.
17 Ilungiselelo lokugcinela ingomso izihlalo alivumelekanga. Akukho namnye uya kuvunyelwa ukungena kumabala endibano ngaphambi kweyesi-7:00 kusasa ngaphandle kwamatsha-ntliziyo amele aqale ukusebenza ngaphambi kwelo xesha. Naba basebenzi abayi kuvunyelwa ukuba bagcinele abanye izihlalo de kube semva kweyesi-7:00 kusasa, xa kuvulelwa nabanye ukuba bangene kwindawo enendibano. Abalindi baya kuba bekwiindawo abazabelweyo ngaphambi kwelo xesha ukuze babone oko kwenziwayo, ukuze kuphetshwe ukusetyenziswa kakubi kwemigaqo yoMbutho engokugcinelana izihlalo. Ncedani nisebenzisane ngokupheleleyo nabalindi njengoko besenza umsebenzi wabo ukuze kungenelwe bonke abakhoyo.
18 Kucetyiswa ukuba kusetyenziswe ingqiqo ngezinto zobuqu ekunokuziwa nazo kwibala lendibano. Kwixesha elidluleyo, bambi baye baphatha iibhaskiti ezinkulu zokugcina ukutya okanye ezinye izinto ezinkulu ezingenakubekwa phantsi kwezihlalo zabo. Ezi zinto ziye zabekwa kwindlela ephakathi kwezihlalo okanye phezu kwezihlalo. Oku kuye kwaphumela ekubeni abanye bangafumani zihlalo, ibe maxa wambi oko kukwaphulwa kwemithetho yamagosa okucima umlilo nokhuseleko. Sifanele sibonise ulwazelelelo kwimibandela enjalo.
19 Njengoko kwakunjalo kunyaka ophelileyo, uMbutho uza kwenza ilungiselelo lokuba ukutya kufumaneke ngeendleko ezinokufikeleleka kubo bonke abezileyo endibanweni. Anjani wona ukuba mahle amalungiselelo, enza kube lula ngakumbi ukungenelwa nokunandipha ucwangciso. Ngokungathandabuzekiyo uncedo olunjalo lwentlangano kaThixo luya kusishukumisela ukuba ngenxa yoxabiso sibonakalise umbulelo ngeendlela ezisebenzisekayo. (IMize. 11:25) Ncedani ningadlalisi ngokutya okanye ngamanye amalungiselelo endibano.
20 Ngokuqinisekileyo, abantu bakaYehova bayakuxabisa ukuhlanganisana ndawonye kwiindawo ezisemgangathweni ukuze bangenelwe kucwangciso lokomoya olulungiselelweyo. Siyawaxabisa namalungiselelo amaninzi nezinye izinto eziluncedo ezilungiselelwa kwiindibano ezinjalo. Ngenyameko nangeendleko ezinkulu zoMbutho, kwenziwa amalungiselelo okuba kubekho izihlalo ezaneleyo, ukufakelwa kwezixhobo zesandisi-lizwi ezibiz’ imali eninzi, ukwenziwa kwezinto ngokutyibilikayo kwiSebe Lokutya, nokusingathwa kwamanye amalungiselelo nezinye izinto eziluncedo ukuze siyinandiphe indibano size sihlaziyeke ngokomoya.
21 Iindleko zezi zinto zigutyungelwa ngeminikelo yenu yokuzithandela nangokuxhaswa komsebenzi woMbutho okwenziwa zwenibanzi. Ngenxa yokuphakama kwamaxabiso eendawo ezahlukahlukeneyo ekuqhutyelwa kuzo iindibano nezinye izinto eziyimfuneko, usenokunqwenela ukuthumela umnikelo kusengaphambili kwisixeko sendibano eliza kuya kuso ibandla okulo. Ukuba ukhetha ukubhala itsheke, unokuphawula ukuba mayihlawulwe kwi-“Watch Tower Convention.” Ukukwenzela lula, kuya kube kukho iibhokisi zomnikelo ezibhalwe ngokucacileyo macala onke kwibala lendibano. Yonke iminikelo ixatyiswa gqitha, yaye uMbutho unqwenela ukunibulela kusengaphambili ngokuxhasa kwenu ngobubele nangokumanyeneyo izilangazelelo zoBukumkani ngolu hlobo. Omnye umntu wayincoma into yokuba kungamiselwanga ubungakanani bomnikelo: ‘Ibonakala intle gqitha into yokuba kushiyelwa kuthi—kuxhomekeke kubunzulu boxabiso lwethu. Ngoko ngenxa yombulelo siziva sinyanzelekile ukuba senze uchatha kwindlela esiqhele ukunikela ngayo.’ Sinentembelo yokuba bonke baya kushukunyiselwa ukuba bayiqonde imbopheleleko yomntu ngamnye ngokuphathelele ezi ndleko yaye baya kusebenzisana ngokupheleleyo ngokuba nesabelo ngokokuvunyelwa ziimeko zabo.—Luka 6:38.
22 YIBAKHO KWINDIBANO YESITHILI “YABATHANDI BENKULULEKO”! Ngokubakho kwiNdibano Yesithili “Yabathandi Benkululeko” size sinikele ingqalelo ngenyameko kucwangciso, siya kulwandisa uxabiso lwethu ngenkululeko efumaneka ngoKristu nendlela efanelekileyo yokusebenzisa inkululeko yamaKristu. Yenza amalungiselelo kwangoku okubakho ukususela kwingoma yokuvula nokubakho kulo lonke ucwangciso kude kube ngumthandazo wokuqukumbela emva kwemini ngeCawa.
[Box on page 6]
Emasikukhumbule NgeNdibano YeSithili
AMAGUMBI: Abavakalisi abaninzi baya kuzenzela ngokwabo amalungiselelo eendawo zokuhlala. Noko ke, ukuba ufuna ikomiti yendibano ikulungiselele indawo yokuhlala, usenokufumana ifomu Yocelo Lwamagumbi kunobhala webandla. Oonobhala bamabandla bafanele baqinisekise ukuba bazithumela ngokukhawuleza ezi fomu Zocelo Lwamagumbi kwikhelingi echanileyo yendawo enendibano.
IINQWELANA ZABANTWANA: Kwiindawo ezininzi, iinqwelana zabantwana azinakusetyenziswa kwiindawo zendibano kawonke wonke. Imithetho elawula ukucinywa komlilo iyakwalela ukumiswa kwazo ezipasejini naphakathi kwezihlalo. Ekubeni ubukho bezihlwele ngezihlwele busenokubangela ukuxinana, ezi nqwelana zabantwana zisenokuba yingozi kungekuphela nje kusana ngokwalo kodwa nakumntu onokukhubeka kuzo. Ngoko ncedani ningezi nazo kumabala endibano. Noko ke, izihlalo zeentsana okanye ezo zibakho kwiinqwelo-mafutha zamkelekile, ekubeni ezi zinokubotshelelwa ezihlalweni ecaleni kwabazali. Intsebenziswano yenu kulo mbandela iya kuxatyiswa.
UBHAPTIZO: Abo baza kubhaptizwa bafanele bazabalazele ukuba sezihlalweni zabo kwindawo abayilungiselelweyo ngaphambi kokuqalisa kocwangciso lwakusasa ngoMgqibelo. Umntu ngamnye oceba ukubhaptizwa ufanele eze nempahla endilisekileyo yokungena emanzini netawuli. Emva kwentetho yobhaptizo nomthandazo oya kwenziwa sisithethi, usihlalo wocwangciso uya kunikela imiyalelo emifutshane kwabo baza kubhaptizwa aze emva koko achaze ingoma eza kuculwa. Ekuqalisweni komgca wokugqibela, abalindi baya kwalathisa abo baza kubhaptizwa kwindawo yokuntywilisela, ngoxa bonke abanye abantu abaseleyo begqibezela ukucula ingoma. Ekubeni ubhaptizo olufuzisela ukuzahlulela kukabani lungumcimbi wolwalamano olusondeleyo nolobuqu phakathi komntu lowo noYehova, akukho lungiselelo loko kubizwa ngokuba kukubhaptizwa njengamaqabane ekuya kuthi ababini abaza kubhaptizwa okanye abangaphezu koko bagonane okanye babambane ngezandla ngoxa bebhaptizwa. Akuyomfuneko ukuba abo baza kubhaptizwa bakhuphe ileta ebhalwe ngabadala nechaza ukuba bayakufanelekela ukubhaptizwa. Kwaye abadala bamabandla abayi kuzisa uludwe lwamagama abo baza kubhaptizwa.
INKONZO YAMATSHA-NTLIZIYO: Uncedo lwamatsha-ntliziyo luyafuneka ukuze indibano yesithili iqhubeke ngokutyibilikayo. Enoba unokusebenza kuphela kwithuba elithile lendibano, inkonzo yakho iya kuxatyiswa. Ukuba unako ukunceda, nceda ubhalise kwiSebe Lenkonzo Yamatsha-ntliziyo xa ufika endibanweni. Abantwana abaneminyaka engaphantsi kweli-16 ubudala nabo banokuba negalelo ekuphumeleleni kwendibano, kodwa kufuneka basebenze nomzali okanye omnye umntu omdala obajongayo. Sikhuthaza ukuba onke amatsha-ntliziyo afike ngexesha kwizabelo zawo. Kubaluleke ngokona kona ukuba abaveleli bamasebe okanye bamacandelo athile amasebe bafike ngaphambi kwelo xesha kwizabelo zabo. Ukuba ngenxa yesizathu esithile basenokulibaziseka mabancede bazise umveleli wendibano.
IINGOMA: Njengoko ukucula kuyinxalenye yonqulo lwethu, sinikhuthaza nonke ukuba niqhelisele ezi ngoma zilandelayo eziya kuba yinxalenye yocwangciso: 19, 34, 172, 85, 136, 117, 121, 13, 155, 113, 105, 215, 174, 10, 53, 191, 212. Xa niqhelisela ezi ngoma, sicebisa ukuba nisebenzise iikhasethi zoMbutho.
AMAXESHA OCWANGCISO: Kulikhondo lobulumko yaye kukubonisa uxabiso ukuba sezihlalweni zethu xa ucwangciso luqalisa. Luya kuqalisa nge-10:20 kusasa ngosuku lokuqala. Lungiselela ukuhlala de ucwangciso luqukunjelwe. Ingoma nomthandazo wokuvala ziya kuba ngeye-4:00 emva kwemini ngosuku lokugqibela.
AMAQWEQWE EEBHEJI: Ncedani nifake ibheji eyenziwe ngokukhethekileyo endibanweni kwanaxa nisiya naxa nibuya kwibala lendibano. Oku ngokufuthi kusenza sikwazi ukunikela ubungqina obuhle ngoxa siseluhambeni. Nifanele niwafumane amaqweqwe eebheji ngebandla, njengoko engasayi kufumaneka ezindibanweni.
INTLANGANISO YASEBHETELI: Kusuku lwesibini kuya kuqhutywa intlanganiso yabo nabaphi na abavakalisi ababhaptiziweyo abaphakathi kweminyaka eli-19 nengama-35 ubudala abangathanda ukungenela inkonzo yaseBheteli. Kuya kwenziwa izaziso endibanweni ngokuphathelele ixesha elichanileyo nendawo eya kuqhutyelwa kuyo le ntlanganiso.
UFANISO LUKAVULINDLELA: Bonke oovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo, abaveleli abahambahambayo, abavangeli basemazweni nabo bakwinkonzo yaseBheteli bafanele beze neqweqwe labo elithi iqweqwe Lofaniso Lenkonzo Yobuvulindlela (S-202) endibanweni. Abo bakuluhlu iinyanga ezintandathu ngethuba lendibano yesithili banokufumana amatikiti endibano ama-R20 ngokuvelisa iqweqwe labo. Eli qweqwe liphathe ngenyameko njengemali. Akunakunikwa elinye ngoxa usendibanweni. Naziphi na iincwadi ezikhutshwayo zesisa okanye olunye uncwadi lwamaxabiso oovulindlela luya kufunyanwa ngoovulindlela kwigumbi leencwadi kuphela.
ISILUMKISO: Kungakhathaliseki indawo oyimise kuyo inqwelo-mafutha yakho, ufanele uyitshixe ngamaxesha onke yaye ungaze ushiye nantoni na ibonakala ngaphakathi. Izinto zakho zigcine zitshixelwe kwindawo yemithwalo, ukuba kunokwenzeka. Kwakhona, lumkela amasela nabakhuthuzi, abazithandayo iindawo ezinabantu abaninzi. Oku kuquka ukungashiyi nantoni na exabisekileyo ingajongwanga esihlalweni endibanweni. Ncedani nilumke.