Isingxobo Semibuzo
◼ Ngubani ofanele athandaze kwiintlanganiso zebandla?
Umthandazo webandla yinxalenye ebalulekileyo yonqulo lwethu. Ukumela abanye phambi kukaYehova lilungelo elixabisekileyo nembopheleleko enzulu. Ngenxa yokubaluleka kwako, kufuneka abadala basebenzise ugwebo oluhle xa begqiba ngabazalwana abafanelekela ukuthandaza ezintlanganisweni. Abazalwana ababhaptiziweyo abamela ibandla bafanele babe ngabalungiseleli abangamaKristu abaqolileyo abaziwa njengemizekelo emihle nabahlonelwayo libandla. Imithandazo yabo ethobekileyo nenentlonelo ifanele ityhile ulwalamano oluhle noYehova uThixo. Inqaku elalisithi “Ukuthandaza Phambi Kwabanye Ngentliziyo Ethobekileyo” kwinkupho yeMboniselo kaMeyi 15, 1986, landlala imigaqo ebalulekileyo eluncedo ngokukhethekileyo kwabo bathandazela ibandla esidlangalaleni.
Abadala abayi kuthandazisa umzalwana othandabuzekayo okanye oziphethe ngendlela engaqondakaliyo. Umzalwana othanda ukukhalaza okanye otyekele ekusebenziseni umthandazo wasesidlangalaleni ukuze avakalise ukungavisisani kwakhe nabanye akayi kukhethwa. (1 Tim. 2:8) Nangona umzalwana okwishumi elivisayo oselula esenokuba ubhaptiziwe, abadala baya kugqiba enoba uqolile ngokomoya ukuba athandazele ibandla.—Thelekisa IZe. 16:1, 2.
Ngamaxesha athile kwiintlanganiso zenkonzo yasentsimini, kusenokuba yimfuneko ngodade obhaptiziweyo ukuba athandaze ukuba akukho mzalwana ufanelekayo ukuba amele iqela. Kuya kufuneka athwale entloko. Ukuba kunokwenzeka ukuba kungabikho mzalwana ufanelekayo kwintlanganiso ethile yenkonzo, abadala bafanele babele udade ofanelekayo ukuba akhokele.
Kusisiqhelo ngosihlalo weNtlanganiso Yesidlangalala ukuba enze umthandazo wokuvula. Noko ke, kwezinye iintlanganiso zebandla, xa kukho abazalwana abangakumbi abafanelekayo, omnye ongenguye lo mzalwana ovula iintlanganiso okanye lowo wabelwe inxalenye yokugqibela unokubizwa ukuba enze umthandazo wokuvula nowokuqukumbela. Enoba imeko injani na, umzalwana oza kuthandaza kwintlanganiso yebandla ufanele aziswe kwangaphambili ukuze akucingisise oko aza kukuthetha. Ngaloo ndlela unokwenza umthandazo onyanisekileyo ofanele loo ntlanganiso.
Akuyomfuneko ukuba ibe mide lo mithandazo. Xa umzalwana ethandaza esidlangalaleni, ngokuqhelekileyo kuya kuba kuhle ukuba eme ngeenyawo, athethe ngelizwi elivakala ngokwaneleyo kwaye athethe ngokucacileyo. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 14:16.) Oku kuya kwenza abo bahlanganiseneyo bawuve umthandazo baze bakwazi ukuthi “Amen!” ngokusuka entliziyweni xa uqukunjelwa.—1 Kron. 16:36.