IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/01 iphe. 8
  • Nceda Abanye Beze Ezintlanganisweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nceda Abanye Beze Ezintlanganisweni
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwalathisela Izifundo Kwintlangano Emelwa Ligama Lethu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Ukwalathisela Izifundo ZeBhayibhile Kwintlangano KaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
  • “Masiye Endlwini KaYehova”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 3/01 iphe. 8

Nceda Abanye Beze Ezintlanganisweni

1 “Nabaphi na abahlobo ekuhlaleni. . . abanqwenela ukuya kwiintlanganiso bamenywa ngokufudumeleyo ukuba benjenjalo.” Ukususela oko sathi savela esi saziso kwinkupho yeZion’s Watch Tower, kaNovemba 1880, amaNgqina kaYehova ngehlombe aye amema abantu ukuba bahlanganisane ndawonye ukuze bafundiswe iBhayibhile. (ISityhi. 22:17) Le yintsika yonqulo lokwenyaniso.

2 Kubalulekile Ukubakho: Siyasikelelwa xa sinxulumana nebandla. Siqhelana ngakumbi noThixo wethu omangalisayo, uYehova. Ebandleni, sihlanganisana ndawonye ukuze ‘sifundiswe nguYehova.’ (Isa. 54:13) Intlangano yakhe ilungiselela ucwangciso lokufunda iBhayibhile rhoqo olusisondeza kuye luze lusinike uncedo olusebenzisekayo ekusebenziseni “lonke icebo likaThixo.” (IZe. 20:27; Luka 12:42) Iintlanganiso zilungiselela uqeqesho lobuqu kubuchule bokufundisa iLizwi likaThixo. Izikhumbuzo eziseBhayibhileni ziyasinceda sinandiphe ulwalamano olusemagqabini nabanye noYehova ngokwakhe. Ukunxulumana nabo bamthandayo uYehova komeleza ukholo lwethu.—Roma 1:11, 12.

3 Mema Ngokungqalileyo: Kwakwisifundo sokuqala, memela isifundo ngasinye seBhayibhile kwiintlanganiso. Sinike isimemo. Vuselela umdla waso ngokwabelana naso ngengongoma eye yakukhuthaza kwintlanganiso yokugqibela nangokuxubusha into eza kuxutyushwa kwintlanganiso elandelayo. Sichazele inkangeleko yeHolo yoBukumkani, uze uqinisekise ukuba siyayazi apho ikhoyo.

4 Ukuba isifundo asizi kwasekuqaleni, qhubeka usimema. Chitha imizuzu embalwa veki nganye usibonisa indlela esebenza ngayo intlangano yethu. Sebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Ukwenza Ukuthanda KukaThixo nevidiyo ethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name ukuze usiqhelanise nathi neentlanganiso zethu. Sinike ezinye iimpapasho isifundo ukuze siqhelane nazo. Emthandazweni, bulela uYehova ngelungiselelo lentlangano uze ukhankanye ukubaluleka kokuba isifundo kufuneka sinxulumane nayo.

5 Musa ukuthandabuza ukunceda abasebatsha ukuba bahlanganisane nathi. Njengokuba uxabiso lwabo ngoYehova lukhula, baya kushukunyiselwa ukuba basebenzise oko bakufundayo baze babe yinxalenye yentlangano kaThixo emanyeneyo.—1 Kor. 14:25.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share