Yiba Nesabelo Ngokuzeleyo Kwisivuno
1 Abaprofeti bakaYehova bamandulo kunye noYesu Kristu bathetha ngomsebenzi wokuhlanganisa. (Isa. 56:8; Hez. 34:11; Yoh. 10:16) Ngoku lo msebenzi uphunyezwa ngokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani ehlabathini lonke. (Mat. 24:14) Umahluko phakathi kwabo bamkhonzayo uThixo nabo bangamkhonziyo ubonakala ngakumbi. (Mal. 3:18) Oku kuthetha ntoni kuthi?
2 Imbopheleleko Yobuqu: Sinokufunda kumzekelo kaPawulos, owayexakeke ngokupheleleyo ekuhambiseleni phambili ubulungiseleli bamaKristu. Wayeziva enembopheleleko yokuba ashumayele ukuze bonke abantu babe nethuba lokuva iindaba ezilungileyo ukuze basindiswe. Oku kwamshukumisela ekubeni azibhokoxe ngenxa yabo. (Roma 1:14-17) Ngenxa yemeko emaxongo olujamelene nayo uluntu namhlanje, ngaba asinambopheleleko ede yangakumbi yokushumayela kwabo bakwintsimi yethu?—1 Kor. 9:16.
3 Ixesha Lesenzo Esingxamisekileyo: Umsebenzi wokushumayela ungafaniswa nephulo lokufuna nokuhlangula abantu. Abantu bamele bakhangelwe baze bahlangulwe ngoxa ixesha lisavuma. Ixesha lixhatshwe yinja. Ubomi busemngciphekweni! Akumangalisi ukuba uYesu abe wabongoza abafundi bakhe ukuba ‘babongoze iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.’—Mat. 9:38.
4 Ngenxa yokungxamiseka kwamaxesha anamhlanje, abasebenzi abaninzi boBukumkani baye basandisa isabelo sabo kulo msebenzi wokusindisa ubomi. UHirohisa okwishumi elivisayo wayehlala nonina owayengenaqabane lomtshato, nabantwana bakowabo abane abamalekelayo. Wayexhasa intsapho yakowabo ngokuvuka ngentsimbi yesithathu kusasa aye kusasaza amaphephandaba. Sekunjalo, uHirohisa wayefuna ukwenza okungakumbi kubulungiseleli, waqalisa ubuvulindlela obuthe ngxi. Ngaba zikho iindlela onokuba nesabelo ngokuzele ngakumbi ngazo kulo msebenzi ungasayi kuze uphinde wenziwe?
5 “Ixesha eliseleyo lifinyele.” (1 Kor. 7:29) Ngoko ke, ngamana singenza konke esinako kowona msebenzi ubalulekileyo owenziwa emhlabeni namhlanje—ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani nokwenza abafundi. UYesu wafanisa ubulungiseleli nomsebenzi wokuvuna. (Mat. 9:35-38) Ngokuba nesabelo ngokuzeleyo ekuvuneni, iziqhamo zomsebenzi wethu zinokuquka ukunceda omnye umntu ukuba abe yinxalenye yesihlwele esikhulu sabanquli esichazwe kwiSityhilelo 7:9, 10.