Gcina Ulonwabo Kwindawo Yalo
1 Kule mihla inzima, sonke kufuneka sitshintshe isantya amaxesha ngamaxesha. Umlinganiselo othile wokuzonwabisa ufanelekile. Noko ke, ukuba umntu uchitha ixesha elininzi ekuzihlaziyeni, ezonwabisa yaye esezimbuthweni, oku kunokumenza abe nexesha elincinane kwizinto zokomoya. Sifanele silugcine ulonwabo lukwindawo yalo. (Mat. 5:3) Kunokwenzeka njani oku? Ngokulandela icebiso elikweyabase-Efese 5:15-17.
2 Yiba Nemida: UPawulos wabhala wathi amaKristu afanele ‘ahlale eyiphaphele ngokungqongqo’ indlela abuphila ngayo ubomi bawo. Ubungcathu nokuzeyisa kuyafuneka ukuze sinciphise ixesha lokuzihlaziya ukuze silisebenzisele into efuneka ngokwenene. Kuhle ukuyihlolisisa indlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu esingenzi nto ngalo. Ukuzihlaziya kufanele kuzise iingenelo kunokuba kusishiye sivakalelwa kukuba silisebenzise kakubi ixesha lethu okanye sishiyeke sidiniwe. Ukuba emva kokwenza into ethile siziva singafezanga nto, singanelisekanga kwaye ngandlel’ ithile sinetyala emva komsebenzi othile, oku kufanele kusenze sibone ukuba kukho into ethile ekufuneka, siyenze kwindlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu.
3 Sebenzisa Ingqiqo: UPawulos waluleka wathi “nizongele ixesha” ukuze nenze ezona zinto zibalulekileyo zobomi, ningabi “ngabangenangqiqo.” AmaKristu azahluleleyo akafanele avumele ubomi bawo bulawulwe ziziyolo. Nangona ukuphumla nokuzihlaziya kunokusihlaziya ngokwasemzimbeni, umthombo wamandla okomoya ngamandla kaThixo asebenzayo. (Isa. 40:29-31) Sifumana umoya wakhe oyingcwele ngokuphathelele imisebenzi yolawulo lobuthixo—ngokufundisisa iBhayibhile, ngokuya kwiintlanganiso zebandla, ngokuya kwinkonzo yasentsimini—kungekhona ngokuzihlaziya.
4 Misela Izinto Eziza Kuqala: UPawulos wayalela amaKristu ukuba ‘aqhubeke ekuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.’ UYesu wafundisa ukuba uBukumkani bukaThixo sibugqale njengento eza kuqala ebomini bethu. (Mat. 6:33) Kubalulekile ukuba sizenze kuqala izinto eziza kusenza siphile ngokuvisisana nokuzahlulela kwethu kuYehova. Emva koko, ixesha lokuzonwabisa linokugcinwa kwindawo efanelekileyo. Xa oko kwenziwe, kuya kuba nomphumo omhle, yaye siya kulunandipha ngakumbi.—INtshu. 5:12.