Uzondla Njani Ngokomoya?
1 Kukho intetho ethi ‘indlela otya ngayo ibonakala kwindlela oyiyo.’ Enyanisweni, amandla nempilo yethu iyachatshazelwa yindlela esitya ngayo. Ekubeni uYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova,” ngokufanayo indlela esitya ngayo ngokomoya iyasinceda okanye isenzakalise. (Mat. 4:4) Ngoko ke, uzondla njani ngokomoya? Ngaba uyacekisa? Ngaba utya ngokungxama? Okanye uyakunandipha ukuchitha ixesha elithile rhoqo ukuze unandiphe ukutya kokomoya okusempilweni nokunezondlo?
2 Hlolisisa Indlela Otya Ngayo: UYehova ulungiselela ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo’ ‘nesidlo sokutya okuneoli eninzi,’ akulungiselela ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45; Isa. 25:6) Ukuze singenelwe ngokupheleleyo kula malungiselelo othando, simele senze umgudu wokuba sitye kakuhle ngokomoya.
3 Usenokuzibuza oku: ‘Ngaba ndiyayifunda itekisi yosuku namagqabaza suku ngalunye? Ngaba iBhayibhile ndiyifunda yonk’ imihla ndize ndicamngce ngayo? Ngaba ndiyazilungiselela iintlanganiso zebandla ngokuwufunda kusengaphambili umbandela? Ngaba ndiye ndazifunda iimpapasho zethu zamva nje, kuquka ethi Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu 1?’
4 UYesu wathembisa oku: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya . . . Banoyolo abo balambela baze banxanelwe ubulungisa, kuba baya kuhluthiswa.” (Mat. 5:3, 6) Yitya kakuhle ngokomoya ngokondla ingqondo nentliziyo yakho ngolwazi lukaThixo.