IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/01 iphe. 1
  • Yintoni Injongo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Injongo?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwalathisela Izifundo Kwintlangano Emelwa Ligama Lethu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Nceda Abanye Beze Ezintlanganisweni
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • “Masiye Endlwini KaYehova”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Indlela Yokwenza Abafundi Ngencwadi Ethi Ulwazi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 10/01 iphe. 1

Yintoni Injongo?

1 Kutheni siqhuba izifundo zeBhayibhile zasekhaya nje? Ngaba kukuze sinike abantu ulwazi, kukuze siphucule ubomi babo, okanye kukuze sibenze babe nethemba eliqaqambileyo ngekamva? Akunjalo. Injongo yethu eyintloko kukwenza abafundi bakaYesu Kristu! (Mat. 28:19; IZe 14:21) Kungenxa yeso sizathu lento abantu esifunda nabo kufuneka banxulumane nebandla. Inkqubela yabo yokomoya inxibelelene ngokungqalileyo nokuyixabisa kwabo intlangano yamaKristu.

2 Indlela Okunokuphunyezwa Ngayo Oku: Kwasekuqaleni, sibongoze ngokuqhubekayo isifundo ukuba siye kwiintlanganiso zebandla. (Heb. 10:24, 25) Cacisa iindlela ezi ntlanganiso eziya kulomeleza ngayo ukholo lwaso, zisincede senze ukuthanda kukaThixo, zize zisenze sinxulumane nabanye abafuna ukudumisa uYehova. (INdu. 27:13; 32:8; 35:18) Amagqabaza akho othando noxabiso ngebandla neentlanganiso aya kuvuselela umnqweno waso wokubakho.

3 Abo basebatsha kufuneka baqonde ukuba intlangano kaYehova bubuzalwana bezizwe ngezizwe. Usenokulungiselela izixhobo ezifunekayo ukuze ubabonise ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name nethi Our Whole Association of Brothers. Bancede baqonde ukuba uYehova usebenzisa izigidi zabantu abazahluleleyo ukuze afeze ukuthanda kwakhe. Nceda aba basebatsha bazi ukuba nabo bayamenywa ukuba bakhonze uThixo.—Isa. 2:2, 3.

4 Kubangela uvuyo olungathethekiyo ukubona isifundo seBhayibhile sisiba ngumfundi wokwenyaniso kaYesu. Yileyo ke injongo yethu!—3 Yoh. 4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share