Uncedo Ngexesha Elifanelekileyo
1 Xa umpostile uPetros wabona imfuneko yokuba omeleze amanye amakholwa, inkathalo awayenayo yamenza ukuba awakhumbuze aze awakhuthaze. (2 Pet. 1:12, 13; 3:1) Wabongoza abo “bazuze ukholo” ukuba baqhubeke bekhula ngokomoya ukuze bangabi “ngabangasebenzi nto okanye abangenasiqhamo ngokubhekisele kulwazi oluchanileyo lweNkosi yethu uYesu Kristu.” (2 Pet. 1:1, 5-8) Injongo kaPetros yayikukubanceda baqiniseke ngobizo nokunyulwa kwabo nguYehova, ‘ukuze ekugqibeleni abafumane bengenabala, bengenasiphako yaye beseluxolweni.’ (2 Pet. 1:10, 11; 3:14) Ukhuthazo lwakhe lwabanceda abaninzi yaye lwafika ngexesha elifanelekileyo.
2 Namhlanje, abaveleli abangamaKristu banenkxalabo efanayo ngabantu bakaThixo. Kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,” abakhonzi bakaYehova abaninzi bamele banyamezele neemvavanyo. (2 Tim. 3:1) Ngenxa yeengxaki zemali, ezentsapho, nezobuqu eziya zithabatha unyawo, bambi bavakalelwa njengoDavide owathi: “Kuba iintlekele zandirhawula de azaba nakubalwa. Ndafikelwa ziziphoso zakho ezingakumbi kunokuba ndinokuzibona; zaba ninzi ngakumbi kuneenwele zentloko yam, nentliziyo yam yandishiya.” (INdu. 40:12) Ezi ngcinezelo zinokuba nkulu kakhulu kangangokuba abo bantu banokude bazityeshele izinto zokomoya baze bayekelele kumsebenzi wamaKristu wokushumayela. Ukanti, phezu kwazo nje ezo ngxaki, ‘abayilibalanga imiyalelo kaYehova.’ (INdu. 119:176) Eli lixesha elifanelekileyo lokuba abadala babancede.—Isa. 32:1, 2.
3 Ukuze bakwenze ngokuphumelelayo oko, abadala baye bakhuthazwa ukuba benze umgudu okhethekileyo wokunceda abo bangasayiyo entsimini. Ukususela kule nyanga izayo ukusa kwinyanga kaMeyi, kuza kusetyenzwa ngokumanyeneyo ukuze kuphunyezwe oku. Abaveleli besifundo sencwadi baye bacelwa ukuba batyelele abapholileyo ukuze babancede ngokomoya nokuze basebenze nebandla kwakhona. Xa kuyimfuneko kusenokulungiselelwa ukuba baqhutyelwe isifundo seBhayibhile. Kusenokucelwa abanye ukuba bancede. Ukuba uceliwe, imigudu yakho inokuba luncedo kakhulu, ngokukodwa ukuba umkhuthaza ngobubele nangokuqonda.
4 Sonke sinesizathu sokuvuya xa ubani enxulumana nebandla kwakhona. (Luka 15:6) Imigudu yethu yokukhuthaza abapholileyo inokuba ‘lilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.’—IMize. 25:11.