Ukunconywa Kuyakhuthaza
1 Ngoxa yayisezingubeni enye intwazana yeviwa ifixiza isithi, “Ngaba bendingaziphathanga kakuhle namhlanje?” Lo mbuzo wamtsho waxheleka unina. Nangona wayeyibona indlela eyayisiwa ivuka ngayo izama ukwenza izinto ngendlela eyiyo ngaloo mini, unina akazange akhuphe nelimdaka ukuyincoma. Ukugixa kwale ntwazana kufanele kusikhumbuze ukuba sonke—enoba siselula okanye sibadala—siyakufuna ukunconywa. Ngaba siyabakhuthaza abo bakunye nathi ngokubancoma ngezinto ezintle abazenzayo?—IMize. 25:11.
2 Sinezizathu ezininzi zokuwancoma amanye amaKristu. Abadala, izicaka zolungiselelo noovulindlela bawa bevuka ukuze baphumeze iimbopheleleko zabo. (1 Tim. 4:10; 5:17) Abazali aboyika uThixo benza unako nako ukuze bafundise abantwana babo iindlela zikaYehova. (Efe. 6:4) Ulutsha lwamaKristu luzama ngamandla ukuxhathisa “umoya wehlabathi.” (1 Kor. 2:12; Efe. 2:1-3) Abanye bakhonza uYehova ngokuthembeka nangona bekhulile, benempilo enkenenkene okanye ezinye iimvavanyo. (2 Kor. 12:7) Bonke abo sifanele sibancome. Ngaba siyabancoma ngemigudu yabo?
3 Ngqala Xa Uthetha: Siyavuya xa sinconywa njengebandla. Noko ke, sikhuthazeka ngakumbi xa sinconywa ngokungqalileyo. Ngokomzekelo, kwisahluko 16 sencwadi yakhe eyayisiya kwabaseRoma, phakathi kwabantu abanconywa ngokungqalileyo nguPawulos yayinguFibhi, uPriska, uAkwila, uTrifena, Trifosa noPersi. (Rom. 16:1-4, 12) Hayi indlela amele ukuba ayekhuthaza ngayo amazwi akhe kwelo qaqobana lalithembekile! Ukunconywa ngaloo ndlela kuyabaqinisekisa abazalwana noodade wethu ukuba bayafuneka yaye kusenza sisondelelane ngakumbi. Ngaba ukho umntu okhe wamncoma ngokungqalileyo mva nje?—Efe. 4:29.
4 Ncoma Ngokusuka Entliziyweni: Ukuze umntu onconywayo akhuthazeke ngokwenene, ufanele anconywe ngokunyanisekileyo. Abantu banokusiva enoba sithetha ngokusuka entliziyweni okanye senza ‘inkwalambisa ngolwimi.’ (IMize. 28:23) Njengoko siziqhelisa ukubona izinto ezilungileyo kwabanye, intliziyo yethu iya kusishukumisela ukuba sincome. Ngamana singabancoma ngokunyanisekileyo abanye, ekubeni siyazi indlela “elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!”—IMize. 15:23.