Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokubancoma
1 Xa abantu benconywa ngokunyaniseka bayakhuthazeka, bafune ukwenza inkqubela yaye bavuye. Abavakalisi abaninzi bafumanise ukuba amazwi ambalwa nje okuncoma entsimini ayanceda ukuze uphulaphulwe ngumninimzi. Sinokubancoma njani abantu xa sibashumayeza?
2 Yiba Neliso Elibukhali: Emva kokuba ebuyele ezulwini, uYesu Kristu waziphawula izenzo ezihle zamabandla asixhenxe aseAsia Minor. (ISityhi. 2:2, 3, 13, 19; 3:8) Ngendlela efanayo ke, xa sinomdla ngokwenene kubantu esidibana nabo entsimini siya kuwakhangela amathuba okubancoma. Ngokomzekelo, ibala elicocekileyo, umzali onobubele kubantwana bakhe, okanye uncumo nombuliso wobubele womninimzi zisinika amathuba okuncoma. Ngaba uwabona msinya uze uwasebenzise amathuba anjalo?
3 Phulaphula Ngenyameko: Xa ushumayela kwabanye, zama ukufumana izimvo zabo ngokubabuza imibuzo efanelekileyo. Yiba nembeko ngokuyiphulaphula kakuhle into abayithethayo. (Roma 12:10) Ngokuqhelekileyo uya kuyifumana into onokuyincoma ngokunyaniseka uze ukwazi ukwakhela incoko yenu phezu kwayo.
4 Sebenzisa Ukuqonda: Yintoni esifanele siyenze xa umninimzi ethetha into engquzulanayo nenyaniso yeBhayibhile? Kunokumphikisa, mbulele ngezimvo zakhe uze uqhubeke nencoko ngokuthetha amazwi anjengathi “Ndiyaphawula ukuba unomdla kulo mba.” (Kol. 4:6) Kwanokuba umninimzi ungumntu othanda impikiswano, sinokumncoma kuba enomdla wokwenene kuloo mbandela. Ukuchubeka ngolo hlobo kunokumenza athambe nomntu obezichasile iindaba ezilungileyo.—IMize. 25:15.
5 Xa sifuna abantu bakhuthazeke, sifanele sinyaniseke xa sibancoma. Xa sithetha ngendlela eyakhayo, siyamzukisa uYehova kwaye sinokwenza abantu batsaleleke kwisigidimi soBukumkani.