Ibhokisi Yemibuzo
◼ Singaqiniseka njani ukuba liyabanjwa ixesha kwiintlanganiso zethu?
Ixesha liyabaleka xa sincokola kamnandi nabahlobo bethu. Ngenxa yesi sizathu, kusenokuba nzima ukubambelela kwixesha elabelweyo kwinxalenye yentlanganiso. Yintoni enokusinceda sibambe ixesha?
Qalisani kwangexesha. Xa ibandla lihlanganisana, kunokuba kuhle ukucela abaphulaphuli ukuba bahlale phantsi kwimizuzu emibini okanye omnye ngaphambi kokuba kuqalise iintlanganiso ukuze ziqalise ngolungelelwano ngexesha elimiselweyo. (INtshu. 3:1) Kwiintlanganiso ezincinane, njengeentlanganiso zenkonzo yasentsimini, akumele kulindwe abo bangekafiki.
Lungiselela ngokucokisekileyo. Undoqo ukuze kubanjwe ixesha kukulungiselela kakuhle kwangaphambili. Yiqonde injongo yesabelo. Khetha iingongoma eziziintloko, uze uzibalaselise. Musa ukuphazanyiswa zizinto ezingabalulekanga. Yenze lula intetho yakho. Ukuba loo nxalenye inomboniso okanye udliwano-ndlebe, ziqhelisele kwangaphambili. Zama kangangoko kunokwenzeka ukugcina ixesha xa uqhelisela ngokuvakalayo.
Wabe kakuhle umbandela wakho. Enoba isabelo sakho yintetho okanye yingxubusho nabaphulaphuli, usenokufumanisa kuluncedo ukuwaba ngokwamacandelo umbandela wakho. Gqiba ngexesha oza kulisebenzisa kwinxalenye nganye, uze ulibhale eludinini lwamanqaku akho. Yandula ke ubambelele kulo njengoko uthetha. Xa iyingxubusho nabaphulaphuli, wuphephe umgibe wokuvumela amagqabaza amaninzi kwiziqendu zokuqala nto leyo eza kwenza ukuba ugxabhagxabhise kwiziqendu zokugqibela ezinentswane. Abaqhubi beSifundo SeMboniselo bafanele balungiselele ixesha elaneleyo lokuxubusha ibhokisi yempinda esekugqibeleni. Kwakhona bafanele balumke bangasebenzisi ixesha lengoma yokuqukumbela nomthandazo.
Qukumbelani kwangexesha. Ukuba intlanganiso ineenxalenye eziliqela, njengeNtlanganiso Yenkonzo, isithethi ngasinye sifanele silazi ixesha esiza kuqalisa ngalo nesiza kugqiba ngalo. Yintoni enokwenziwa ukuba sele lityiwe ixesha? Umzalwana okanye abazalwana abaza kusingatha iintetho ezilandelayo basenokugxininisa kwiingongoma ezibalulekileyo kuphela baze baziyeke ezo zingabalulekanga. Ukukwazi ukwenza oku kubonisa ukuba nobuchule bokufundisa.
Njengabaphulaphuli, sinokumnceda umzalwana oqhubayo ngokuzenza mfutshane iimpendulo zethu. Ngaloo ndlela sonke sinokuba negalelo kwiintlanganiso eziqhutywa “ngokundilisekileyo nangolungelelwano.”—1 Kor. 14:40.