Indlela Yokuqalisa Izifundo Kwincwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile
Abaninzi kuthi bebenokukuvuyela ukuqhuba isifundo seBhayibhile, ingxaki nje kukusiqalisa. Incwadi entsha ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? iya kusinceda. Intshayelelo ekwiphepha 3-7 ilungiselelwe ukuqalisa incoko yeBhayibhile nomninimzi usebenzisa le ncwadi. Nabo bangenamava kangako entsimini baya kukufumanisa kulula ukuqalisa izifundo.
◼ Unokuzama le ntshumayelo usebenzisa iphepha 3:
Emva kokukhankanya into okanye ingxaki ethile exhalabisa abantu basekuhlaleni, mbonise umninimzi imibuzo ebhalwe ngamagama angqindilili kwiphepha 3, uze umcele agqabaze ngayo. Wandule utyhile kwiphepha 4-5.
◼ Okanye unokukhetha ukusiqalisa ngokuthetha ngezinto ezikwiphepha 4-5:
Unokuthi, “Ngaba bekungayi kuba mnandi ukuba iinguqu ozibona apha bezinokwenzeka ngokwenene?” Okanye unokubuza, “Ziziphi izinto apha onokuthanda ukuba zenzeke?” Yiphulaphule ngenyameko impendulo.
Ukuba umninimzi unomdla okhethekileyo kwesinye sezibhalo, umbonise ngoko kufundiswa yiBhayibhile ngaloo mbandela ngokufunda iziqendu ezisixubushayo. (Bona ibhokisi ekweli phepha lesihlomelo.) Xubusha lo mbandela ngendlela odla ngokwenza ngayo xa uqhuba isifundo. Oku kunokwenziwa ngemizuzu emihlanu ukusa kwelishumi xa utyelela okwesihlandlo sokuqala umi emnyango.
◼ Enye indlela kukufumana imbono yomninimzi usebenzisa iphepha 6:
Bonisa umninimzi imibuzo esezantsi kwephepha, uze umbuze, “Ngaba wakha wazibuza eminye yale mibuzo?” Ukuba unomdla komnye wale mibuzo, tyhila kwisiqendu esiwuphendulayo. (Bona ibhokisi ekweli phepha lesihlomelo.) Njengoko nifunda le nkcazelo kunye, uqhuba isifundo seBhayibhile.
◼ Unokusebenzisa iphepha 7 ukuze ubonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile:
Funda izivakalisi ezithathu zokuqala kweli phepha, uze utyhile isahluko 3 wandule ubonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo usebenzisa isiqendu 1-3. Lungiselela ukubuya ukuze uxubushe iimpendulo zemibuzo ekwisiqendu 3.
◼ Indlela yokulungiselela ukubuyela:
Xa uqhuba isifundo okwesihlandlo sokuqala, lungiselela ukuqhubeka nencoko kwakhona. Mhlawumbi unokuthi: “Kwimizuzu nje embalwa, sifunde ngoko iBhayibhile ikufundisayo ngombandela obalulekileyo. Kwixesha elizayo, siza kuxubusha [mshiye nombuzo oza kuwuphendula]. Ndingafika ngexesha elifanayo kwiveki ezayo?”
Njengoko sisiya sisondela kwixesha elimiselwe nguYehova, uyaqhubeka esixhobisa ukuze siwenze kakuhle umsebenzi asinike wona. (Mat. 28:19, 20; 2 Tim. 3:17) Masisisebenzise kakuhle esi sixhobo sitsha sokuqalisa izifundo zeBhayibhile.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Ingxubusho YeZibhalo Ezikwiphepha 4-5
◻ ISityhilelo 21:4 (iphe. 27-8, isiqe. 1-3)
◻ Isaya 33:24; 35:5, 6 (iphe. 36, isiqe. 22)
◻ Yohane 5:28, 29 (iphe. 72-3, isiqe. 17-19)
◻ INdumiso 72:16 (iphe. 34, isiqe. 19)
Iimpendulo Zemibuzo Ekwiphepha 6
◻ Kutheni sibandezeleka? (iphe. 108-9, isiqe. 6-8)
◻ Sinokujamelana njani namaxhala obomi? (iphe. 184-5, isiqe. 1-3)
◻ Singalufumana njani ulonwabo entsatsheni yethu? (iphe. 142, isiqe. 20)
◻ Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa? (iphe. 58-9, isiqe. 5-6)
◻ Ngaba siya kuze sizibone kwakhona izihlobo zethu ezifileyo? (iphe. 72-3, isiqe. 17-19)
◻ Sinokuqiniseka njani ukuba uThixo uya kukwenza oko akuthembisileyo kwikamva? (iphe. 25, isiqe. 17)