“Andinamdla”
1 Kwezinye iindawo abantu badla ngokusabela ngolu hlobo kwisigidimi sethu. Yintoni enokusinceda ukuze singadimazeki xa sichaswa entsimini? Sinokukwazi njani ukuvus’ umdla weendaba ezilungileyo?
2 Hlala Uvuya: Ukukhumbula isizathu sokuba abantu abaninzi bangabi namdla kunokusinceda sikwazi ukuhlala sivuya. Kusenokwenzeka ukuba abantu ababefundiswe indaleko okanye abakhulele kwindawo apho abantu bengakholelwayo kuThixo, abayazi indlela exabiseke ngayo iBhayibhile. Abanye banokudinyazwa luhanahaniso abalubona kunqulo. Kanti abanye, basenokungabi namdla kuba bedandathekile yaye bephelelwe lithemba. (Efe. 2:12) Bambi ‘abanikeli ngqalelo’ kuba bexinwe ngamaxhala obomi.—Mat. 24:37-39.
3 Nakuba abanye bengasabeli kakuhle, sinokuvuya entsimini xa sisazi ukuba imigudu yethu izukisa uYehova. (1 Pet. 4:11) Kwakhona, ukuthetha ngenyaniso, nakwabo bangayixabisiyo, komeleza ukholo lwethu. Masizabalazele ukujonga abantu abakwintsimi yethu ngendlela uYehova abajonga ngayo. Wayebasizela abantu baseNineve ababengawazi “umahluko phakathi kwesandla sabo sasekunene nesasekhohlo.” (Yona 4:11) Abo bahlala kwintsimi yethu bayazifuna iindaba ezilungileyo! Ngoko ke, asifanele sinikezele kodwa sifanele sifune iindlela zokuvuselela umdla kwisigidimi seBhayibhile.
4 Thetha Ngezinto Ezibaxhalabisayo: Mhlawumbi unokuthetha ngento emxhalabisayo umninimzi kwintshayelelo yakho uze ufune ukwazi imbono yakhe. Mphulaphule njengoko ethetha, wandule umbonise isigidimi seBhayibhile ngokuphathelele oko akuxhalabeleyo. Emva kwentlekele yasekuhlaleni, elinye iNgqina laliye lichaze indlela elalikhathazeke ngayo kwindlu nganye. Lithi: “Abantu baqalisa ukuncokola. Ndaxubusha kamnandi nabo ngaloo mini kuba ndaba nomdla kubomi babo.”
5 Zonk’ iingxaki uluntu olujamelana nazo ziya kuconjululwa buBukumkani bukaThixo. Zama ukuyazi eyona nto ixhalabisa umninimzi. Usenokukuvumela ukuba uchaze isigidimi seBhayibhile esinik’ ithemba. Ukuba akakuvumeli, kusenokwenzeka ukuba uza kukuphulaphula “ngelinye ixesha.”—IZe. 17:32.