Wanike Ithemba Amahlwempu
1 UYesu wayenomdla okhethekileyo kubantu abangathathi ntweni. Ngamany’ amaxesha wayeye abancede ngezinto eziphathekayo aze aphilise abagulayo, kodwa eyona nto wayeyibeka phambili kukuvakalisa “iindaba ezilungileyo” kumahlwempu. (Mat. 11:5) Ubulungiseleli bamaKristu anamhlanje buyaqhubeka bunceda abantu abangamahlwempu nabanye abantu.—Mat. 24:14; 28:19, 20.
2 Ithemba Lenene: Abefundisi beNgqobhoko badla ngokuthembisa amahlwempu besithi aya kuba zizityebi xa enokugalela kakhulu kwinkongozelo yasecaweni. Kodwa ke, iBhayibhile yona ifundisa ukuba buBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuphelisa ubuhlwempu buze bulungise zonke iingxaki zabantu. (INdu. 9:18; 145:16; Isa. 65:21-23) Xa sibonisa amahlwempu oko kufundiswa yiBhayibhile ngokwenene, siwenza abe nethemba kwaye siyawanceda ukuba anelise intswelo yawo yokomoya.—Mat. 5:3.
3 AbaFarisi bomhla kaYesu babewajongela phantsi amahlwempu, bewabiza ngegama elinendelelo elithi ‘am-ha·’aʹrets, okanye “abantu belizwe.” Noko ke, uYesu wayejonga ‘igazi labo,’ okanye ubomi babo, ‘njengobuxabisekileyo.’ (INdu. 72:13, 14) Sinokumxelisa uYesu size ‘siwababale’ amahlwempu ngokuba nobubele novelwano. (IMize. 14:31) Singaze sisebenzise amagama anendelelo xa sithetha ngabantu abahlala kwiindawo ezihlwempuzekileyo okanye sibe mathidala ukubashumayeza. Uninzi lwabantu abasabelayo kwisigidimi soBukumkani ngabangathathi ntweni.
4 Bancede Ngoku: Xa sifundisa abantu abahlwempuzekileyo abakwintsimi yethu imigaqo yeBhayibhile, siluthomalalisa kwangoku ulwamvila lobuhlwempu. Ngokomzekelo, iBhayibhile iyakwalela ukunxila, ukungcakaza, ukonqena, ukutshaya, neminye imikhwa ebangela ubuhlwempu. (IMize. 6:10, 11; 23:21; 2 Kor. 7:1; Efe. 5:5) IZibhalo zikhuthaza ukuba sinyaniseke kwaye sisebenze “ngomphefumlo uphela,” zinto ezo zithandwayo ngabaqeshi. (Kol. 3:22, 23; Heb. 13:18) Xa kwakuhlolwa izimvo zabaqeshi, inkoliso yabo yathi ukunyaniseka nengqibelelo zezona mpawu izithandayo kubantu efuna ukubaqesha.
5 UYehova uyavakalelwa xa ebona amahlwempu exhwalekile. Kungekudala, uYesu Kristu uza kuwahlangula ‘amahlwempu akhalela uncedo.’ (INdu. 72:12) Okwangoku, thina sivavwe ngelungelo lokuthuthuzela abantu, kuquka abo bahlwempuzekileyo, sisebenzisa isigidimi seBhayibhile esinika ithemba.