Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoMatshi 10
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Sebenzisa amacebiso akwiphepha lesi-8 okanye nayiphi na intshumayelo efanele intsimi yebandla lakho ukuze ubonise indlela yokuhambisa IMboniselo kaMatshi 1 noVukani! kaMatshi kunye nesimemo seSikhumbuzo.
20 imiz: Kutheni Sisiya Kwiintlanganiso Nje? Intetho nengxubusho kunye nabaphulaphuli esekelwe kwiMboniselo kaMeyi 15, 2007, iphepha le-11 ukuya kwele-13. Cela abaphulaphuli ukuba bachaze indlela abaye bangenelwa ngayo ngokuya kwiintlanganiso zebandla nendlela abaye bayisusa ngayo imiqobo ebibaphazamisa ekuyeni kwiintlanganiso rhoqo.
15 imiz: “Ikho Into Esinokumpha Yona UYehova.”a Ukuba ixesha liyavuma, cela abaphulaphuli ukuba bagqabaze ngeZibhalo ezibonisiweyo.
Iveki Eqala NgoMatshi 17
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khumbuza abaphulaphuli ukuba beze neMboniselo ka-Aprili 1 noVukani! ka-Aprili kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki ezayo, kwaye balungiselele ukuxubusha iintshumayelo ezifanele intsimi yebandla lenu. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
15 imiz: Ibhokisi Yemibuzo. Mayinikelwe ngumdala. Lifunde uze ulixubushe lonke eli nqaku.
20 imiz: “Sinokubanceda Njani Abantu Abeze ESikhumbuzweni?”b Xa ukwisiqendu sesi-5, yenza umboniso omfutshane wendlela yokuqalisa isifundo seBhayibhile nomntu omenyiweyo obeze eSikhumbuzweni.
Iveki Eqala NgoMatshi 24
5 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Funda iingxelo zemali neeleta ezibulela iminikelo.
10 imiz: Lungiselela Ukuhambisa Amaphephancwadi Akutshanje. Ingxubusho kunye nabaphulaphuli. Emva kokuthi gqaba-gqaba ngeMboniselo ka-Aprili 1 nangoVukani! ka-Aprili, buza abaphulaphuli ukuba ngawaphi amanqaku anokubangel’ umdla kubantu abakwintsimi yenu yaye ngoba. Cela abaphulaphuli ukuba bachaze iingongoma abaceba ukuzisebenzisa. Nguwuphi umbuzo onokubuzwa ukuze kuqaliswe incoko? Sisiphi isibhalo esikwinqaku esinokufundwa? Sebenzisa iintshumayelo ezicetyisiweyo ezinokusebenza kwintsimi yenu ukuze ubonise indlela yokuhambisa IMboniselo ka-Aprili 1 noVukani! ka-Aprili.
30 imiz: “Ngaba Unokuzenza Ufumaneke?” Intetho ekhuthazayo enamagqabaza avela kubaphulaphuli abamele baphendule imibuzo elungiselelwe kusengaphambili xa kufikwa kwisiqendu se-13 nese-18 ukuya kwesama-24. Khuthaza abazali ukuba bancede abantwana babo bacinge ngokuya kukhonza eBheteli. Cebisa iintsapho ukuba zixubushe esi sihlomelo kunye kwisifundo sentsapho.
Iveki Eqala NgoMatshi 31
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake iingxelo zentsimi zikaMatshi.
20 imiz: Yisebenzise Kakuhle Incwadi Yonyaka Yowama-2008. Intetho enengxubusho nabaphulaphuli. Xubusha “Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo,” ekwiphepha lesi-3 ukuya kwelesi-5. Cela omnye okanye ababini kubaphulaphuli ukuba babalise amava afumaneka kwiNcwadi Yonyaka aye abakhuthaza ngokukhethekileyo. Lungiselela ukuba kubekho umvakalisi omnye okanye ababini abachaza indlela abalicwangcisa ngayo ixesha lokufunda Incwadi Yonyaka. Qukumbela ngokukhuthaza bonke ukuba bayifunde yonke le ncwadi.
15 imiz: “Ukwakhana Xa Sisentsimini”c
Iveki Eqala NgoAprili 7
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
20 imiz: Kutheni Umathidala Ukubhaptizwa Nje? Intetho enikelwa ngumdala esekelwe kwiMboniselo kaJulayi 1, 2006, iphepha lama-29 ukuya kwelama-30, isiqendu se-14 ukuya kwese-17. Dlan’ indlebe ngokufutshane nomvakalisi omnye okanye ababini ababhaptizwa bekwishumi elivisayo. Yintoni eyabenza bathatha eli nyathelo libalulekileyo beselula? Ukubhaptizwa kwabo kwabanceda njani ukuba bakhule ngokomoya, nto leyo eye yabakhusela?
15 imiz: Ngaba Ukhe Wayizama Indlela Engqalileyo? Intetho nengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2002, iphepha lesi-6. Xubusha iintshumayelo ezingumzekelo nendlela ezinokuhlengahlengiswa ngayo ukuze kuqaliswe isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Emva koko yenza umboniso omnye okanye emibini. Khuthaza abaphulaphuli ukuba bazame enokuba kukanye ukuba kwiiveki ezizayo baqalise isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile besebenzisa indlela engqalileyo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.