Mncede Lowo Uhamba Naye Entsimini
1. Ziziphi iingenelo ezibakho ngokuhamba nomnye umvakalisi entsimini?
1 Ngesinye isihlandlo, uYesu wathumela abafundi bakhe abangama-70 ukuba baye kushumayela, kwaye ‘wabathumela ngababini.’ (Luka 10:1) Ngokuqinisekileyo eli lungiselelo lanika abafundi bakhe ithuba lokuba bancedane yaye bakhuthazane njengoko beshumayela. Xa sihamba nomnye umvakalisi entsimini, sinokuba luncedo njani?
2. Xa umntu esihamba naye eshumayela, sifanele siphulaphule njani yaye ngoba?
2 Ngokuphulaphula: Phulaphula ngenyameko njengoko umntu ohamba naye esenza intshayelelo yakhe. (Yak. 1:19) Ukuba kufundwa iSibhalo, landela kweyakho iBhayibhile. Jonga kumntu othethayo enoba ngulo uhamba naye okanye ngumninimzi. Ukuba uphulaphula ngenyameko kwincoko, loo nto isenokukhuthaza umninimzi ukuba enze okufanayo.
3. Kunini apho umntu esihamba naye enokusivumela ukuba sithethe?
3 Ngokuqonda Ixesha Ofanele Uthethe Ngalo: Xa omnye eshumayela, sibonisa intlonelo ngokumvumela akhokele. (Roma 12:10) Sifanele sikuphephe ukuphazamisa. Ukuba uyilibele into ebeza kuyithetha okanye umninimzi uyachasa okanye uphakamisa umbuzo aze umntu ohamba naye afune inkxaso, sifanele sizame ukongeza koko ebesele ekuthethile kunokuba siqale omnye umbandela. (IMize. 16:23; INtshu. 3:1, 7) Ukuba siyathetha, amazwi ethu afanele ongeze kwintshumayelo esele inikelwe.—1 Kor. 14:8.
4. Yintoni eya kongezelela kuvuyo nempumelelo yethu entsimini?
4 Bakuba begqibile ukushumayela abafundi ababehamba ngababini ngokwamaqela angama-35, “babuya benovuyo.” (Luka 10:17) Nathi siya kuba novuyo nempumelelo entsimini njengoko siphulaphula yaye siqonda ukuba sifanele sithethe nini xa sincedisa abo sihamba nabo kwindlu ngendlu.