IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/09 iphe. 2-3
  • Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokushumayela Kumadoda

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokushumayela Kumadoda
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokonwaba Enoba Ukwintsapho Eyahluleleneyo Ngonqulo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ngaba Unokuzama Ukunceda Iqabane Elingakholwayo?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Inyaniso Izisa, “Kungekhona Uxolo, Kodwa Ikrele”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Ulwalathiso Lobulumko Kubantu Abatshatileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
km 8/09 iphe. 2-3

Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokushumayela Kumadoda

1. Yintoni efuneka ngokungxamisekileyo ukuze sihambisele phambili izilangazelelo zoBukumkani?

1 Njengoko umsebenzi woBukumkani uqhubeka usanda kule mihla yokugqibela, kufuneka amadoda afanelekayo ngokomoya ukuze athabathe ukhokelo. (Mar. 4:30-32; IZe. 20:28; 1 Tim. 3:1-13) Sekunjalo, kwezinye iindawo ambalwa amadoda amkela isigidimi soBukumkani kunamabhinqa. Kwezinye iintlanga, amadoda aye ayidlulisele kubafazi imiba yonqulo nokufundisa abantwana ngonqulo. Amadoda amaninzi sinokuwakhuthaza njani ukuba aphaphele intswelo yawo yokomoya aze asithelele kunqulo lwenene?

2. Imigudu kaPawulos noPetros yokushumayela kumadoda yaba nemiphumo emihle njani?

2 Khangelani Amadoda: Xa intloko-ntsapho isamkela inyaniso, iphembelela nabanye entsatsheni ukuba bayilandele. Ngokomzekelo, xa babevalelwe entolongweni ngenxa yokushumayela, uPawulos noSilas bashumayela kumgcini-mabanjwa. Le ndoda nendlu yayo yonke yabhaptizwa. (IZe. 16:25-34) Ngenxa yokushumayela kukaPawulos eKorinte, “uKrispo igosa elongamelayo kwindlu yesikhungu waba likholwa eNkosini, ngokunjalo nabo bonke abendlu yakhe.” (IZe. 18:8) UPetros wasetyenziswa nguYehova ekushumayeleni kuKorneli, igosa lomkhosi elachazwa ngokuba ‘yindoda elilungisa nemoyikayo uThixo.’ UKorneli, nezalamane zakhe kunye nabahlobo bakhe abasondeleyo, babhaptizwa.—IZe. 10:1-48.

3. Ngoobani “abasemagunyeni aphakamileyo” esinokushumayela kubo njengoFilipu?

3 Ukushumayela kumadoda ‘akwizikhundla eziphakamileyo’ kunokuba nemiphumo emihle. (1 Tim. 2:1, 2) Ngokomzekelo, ingelosi kaYehova yacebisa uFilipu ukuba aye kuthetha ‘nendoda esemagunyeni’ eyayiphathiswe bonke ubuncwane bukakumkanikazi waseTiyopiya. UFilipu weva le ndoda ‘ifunda ngokuvakalayo umprofeti uIsaya’ waza wayicacisela iindaba ezilungileyo ezingoYesu. Lo mTiyopiya waba ngumfundi ibe kusenokwenzeka ukuba wasasaza iindaba ezilungileyo endleleni eya kwisixeko sakowabo. Kusenokwenzeka ukuba washumayela nakukumkanikazi nakwabo babesenkundleni yakhe, abantu ababeya kuba namathuba amancinane okuva iindaba ezilungileyo.—IZe. 8:26-39.

4. Sinokwenza njani ukuze sinike amadoda amathuba angakumbi okuva iindaba ezilungileyo?

4 Thethani Namadoda Angakumbi: Ekubeni amadoda esemisebenzini ebudeni bemini, ngaba ucwangciso lwenu ningalutshintsha ukuze nichithe ixesha elingakumbi entsimini ngeengokuhlwa, ngeempela-veki, okanye ebudeni beeholide? Ukusebenza rhoqo intsimi yamashishini kuya kuninika amathuba ongezelelekileyo okushumayela kumadoda angafane afumaneke ekhaya. Abazalwana banokwenza iinzame ezikhethekileyo zokushumayela ngokungacwangciswanga kumadoda asebenza nabo. Kubulungiseleli bendlu ngendlu, ngokukodwa kwintsimi esetyenzwa rhoqo, abazalwana ngamaxesha athile banokucela ukuthetha namadoda asezindlwini.

5. Udade unokwenza njani xa indoda inomdla kwisigidimi soBukumkani?

5 Udade ofumana indoda enomdla enyanisweni akafanele abuyele yedwa. Unokuya nomyeni wakhe okanye nomnye umvakalisi. Njengoko lo mntu esenza inkqubela, kuya kuba kuhle ukumdlulisela kumzalwana ofanelekayo.

6. Sinokumxelisa njani umpostile uPawulos ukuze ‘sizuze inkoliso yabantu’?

6 Khetha Imixholo Ebangel’ Umdla Kumadoda: Umpostile uPawulos wayebacingela abaphulaphuli bakhe yaye wayeyitshintsha intshumayelo yakhe ukuze ‘azuze inkoliso yabantu.’ (1 Kor. 9:19-23) Ngokufanayo, kufuneka sicinge ngemixholo eza kubangel’ umdla kumadoda esidibana nawo size siyilungiselele kakuhle. Ngokomzekelo, amadoda axhalabele iingxaki zoqoqosho, urhulumente olungileyo, nokukhusela iintsapho zawo. Anokuba nomdla kwinjongo yobomi, ikamva lomhlaba, nesizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka. Isigidimi sethu soBukumkani siya kwamkelwa ukuba sithetha ngezo zinto kwintshumayelo yethu.—IMize. 16:23.

7. Yiyiphi impembelelo entle bonke ebandleni abanokuba nayo kumadoda angakholwayo aya ezintlanganisweni?

7 Zamani Ukufikelela Amadoda Angakholwayo: Ngoxa ihambo entle yoodade wethu idla ngokubangela imiphumo emihle kumadoda abo angakholwayo, namalungu ebandla anokuba negalelo elihle. (1 Pet. 3:1-4) Xa indoda engakholwayo isiya nomfazi wayo ezintlanganisweni, ukuyamkela ngobubele ebandleni kuya kunikela ubungqina obuhle. Ukuya kwayo kubonisa umdla enawo ngenyaniso, yaye inokusamkela isifundo seBhayibhile.

8. Abazalwana banokuzama njani ukunceda amadoda angakholwayo aye anomdla kancinane enyanisweni?

8 Kwelinye icala, amanye amadoda aba nomdla kancinane kwizinto zokomoya kodwa akulungele ukuxubusha ngeBhayibhile nomzalwana aziva ekhululekile kuye. Abazalwana kwelinye ibandla babeqiniseka ukuba xa betyelela iintsapho ezahluleleneyo ngonqulo bancokola nentloko-ntsapho engakholwayo ngezinto enomdla kuzo. Oku kwakhokelela ekubeni bathethe ngezinto zokomoya, yaye ngoku ibhaptiziwe. Kanti omnye umzalwana wanceda intloko-ntsapho engakholwayo ekulungiseni ucingo ekhayeni layo. Ngokuba nomdla wenene ngale ndlela, kwaqaliswa isifundo seBhayibhile. (Gal. 6:10; Fil. 2:4) Ukuba ungumzalwana, kutheni ungazami ukufikelela enye okanye ngaphezulu kula madoda angakholwayo?

9. Inokuba yintoni imiphumo yokuqeqeshwa kwamadoda angamaKristu?

9 Waqeqesheni Nicinga Ngekamva: Amadoda asabelayo kwisigidimi soBukumkani aze azabalazele amalungelo kwinkonzo kaYehova anokuba phakathi ‘kwezipho ezingabantu,’ abadala abangamaKristu abasebenzisa ubuchule namandla abo ukuze bancede ibandla labantu bakaYehova. (Efe. 4:8; INdu. 68:18) La madoda alusa ibandla ngokuzithandela nangentumekelelo. (1 Pet. 5:2, 3) Aba yintsikelelo yenene kubuzalwana behlabathi buphela!

10. Imigudu ka-Ananiyas yokunceda uPawulos ibe yingenelo njani kwabaninzi?

10 Ngokomzekelo, uSawule waba ‘ngumpostile weentlanga,’ ngoxa ekuqaleni wayetshutshisa amaKristu. (Roma 11:13) Umfundi uAnaniyas waba madolw’ anzima ukushumayela kuSawule ngenxa yaloo nto. Noko ke, uAnaniyas walandela ulwalathiso lweNkosi waza wathetha nendoda kamva eyaba ngumpostile uPawulos. Ukutyhubela iminyaka, ubulungiseleli bukaPawulos baba yingenelo kumawaka abantu abamva eshumayela kuquka nezigidi zabantu eziqhubeka zingenelwa kwiincwadi zakhe eziphefumlelweyo ezifumaneka kwiLizwi likaThixo.—IZe. 9:3-19; 2 Tim. 3:16, 17.

11. Kutheni sifanele senze naluphi na uhlengahlengiso olufunekayo ukuze sishumayele kumadoda?

11 Ngamana singenza uhlengahlengiso olufanelekileyo lokuhlangabezana nocelomngeni lokushumayela kumadoda. Xa siluphumeza olu sukelo, siqinisekile ngokufumana iintsikelelo zikaYehova kwimigudu yethu yokwenza ukuthanda kwakhe nokunyamekela kakuhle izilangazelelo zoBukumkani.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share