Ngaba Uye Wabonisa Indlela Yokuqhuba Isifundo Kutyelelo Lokuqala?
Xa becelwa ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, abanye abaninimzi bathi abanamdla okanye bathi sele besifumana isifundo seBhayibhile ecaweni yabo. Ekubeni bengazi ukuba siyifunda ngokwahlukileyo iBhayibhile kunamanye amaqela eecawa, abayazi indlela enokubakhanyisela ngayo ize ibenze bonwabe. Ngoko ke, endaweni yokucela isifundo, kutheni ungasebenzisi imizuzu embalwa ubonise indlela isifundo seBhayibhile esiqhutywa ngayo kutyelelo lokuqala? Ngokomzekelo: Kunokuba uchazele abantu indlela oyincutshe ngayo ezimbizeni; bangcamlise ukutya kwakho ngoko nangoko! Nantsi indlela yokwenza oko ngemizuzu nje embalwa, esekelwe kwicebiso elikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 2006 iphepha 5:
“Ngaba ucinga ukuba la mazwi aya kuze azaliseke? [Funda uIsaya 33:24, uze umlinde aphendule.] Mandikubonise into ebangela umdla kulo mbandela.” Nika umninimzi incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, mbonise iphepha 36 isiqendu 22. Funda umbuzo osekupheleni kwephepha, uze ucele umninimzi ukuba akhangele impendulo njengoko ufunda isiqendu. Emva koko phinda umbuzo, uze uphulaphule njengoko egqabaza. Fundani esinye sezibhalo. Mbuze umbuzo oza kuphendulwa kutyelelo olulandelayo, uze wenze amalungiselelo aqinisekileyo okubuya. Usiqalile ngolo hlobo ke isifundo seBhayibhile!