Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Oktobha 1
“Abantu abaninzi bayathandabuza enoba uThixo usikhathalele. Ucinga ntoni wena? [Mlinde aphendule. Emva koko funda INdumiso 34:18.] Inqaku eliqala kwiphepha 19 lixubusha ngendlela uThixo asinceda ngayo silwe neemvakalelo zokuziva singento yanto, ukudandatheka nokuziva sinetyala.”
Vukani! Oktobha
“Abanye abantu bathi uThixo ungamandla nje amakhulu. Abanye bathi ngumntu oneemvakalelo. Ucinga ntoni wena? [Mlinde aphendule.] Phawula la mazwi abangela umdla. [Funda eyoku-1 kuPetros 5:6, 7.] Inqaku eliqala kwiphepha 29 liphendula ngokusuka eBhayibhileni umbuzo othi, Ngaba uThixo ngumntu wenene?”
IMboniselo Novemba 1
“Sonke sifuna ukuziva sanelisekile. Ngaba kufuneka sibe nemali ukuze saneliseke? [Mlinde aphendule.] Omnye umbhali weBhayibhile wafunda ukwaneliseka ngoxa wayenokuncinane. [Funda eyabaseFilipi 4:11, 12.] Eli phephancwadi lichaza iimfihlelo ezintlanu zokwaneliseka ezifumaneka eBhayibhileni.”
Vukani! Novemba
“Abanye abantu abangakholelwayo kuThixo ngenxa yezinto ezimbi ezenziwa egameni likaThixo bavakalelwa kukuba ihlabathi beliya kuba bhetele ukuba unqulo belungekho. Ucinga ntoni wena? [Mlinde aphendule.] Nasi esinye isizathu esibangela ukuba kuthiwe unqulo lobuxoki luye lwabangela ukubandezeleka. [Funda eyesi-2 kuTimoti 4:3, 4.] Eli phephancwadi libonisa ukungachani kweembono zabantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo.”