IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/10 iphe. 8
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
km 11/10 iphe. 8

Iintshayelelo Zamaphephancwadi

IMboniselo Novemba 1

“Ucinga ukuba iingelosi zinomdla koko sikwenzayo? [Mlinde aphendule.] Phulaphula oko kuthethwa yiBhayibhile. [Funda uLuka 15:10.] Eli nqaku lixubusha ngoko kwathethwa nguYesu ngendlela izidalwa zokomoya ezisichaphazela ngayo.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 16.

Vukani! Novemba

Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16. Emva koko unokuthi: “Ngaba uyavuma ukuba sinokuyithemba yonke into ethethwa yiBhayibhile? [Mlinde aphendule.] Eli nqaku lichaza indlela abembi bezinto zakudala nabafundi bembali abakungqina ngayo oko kuthethwa yiBhayibhile ngeYiputa yamandulo.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 15.

IMboniselo Disemba 1

“Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ezulwini, kukho abantu bokomoya abakrelekrele abanempembelelo ebomini bethu. Ucinga ntoni wena? [Mlinde aphendule. Emva koko funda iSityhilelo 12:7-9.] Eli phephancwadi lisibonisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngabo baphila kummandla wokomoya, indlela abasichaphazela ngayo, nokuba sinokunxibelelana nabo kusini na.”

Vukani! Disemba

“Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba iKrismesi ibhiyozelwe ngoDisemba 25 ekubeni iBhayibhile ingawuchazi umhla awazalwa ngawo uYesu? [Mlinde aphendule.] Ngokutsho kwale ndinyana, akunakwenzeka ukuba uYesu wazalwa ebusika. [Funda uLuka 2:8.] Eli phephancwadi lichaza imvelaphi yezithethe ezenziwa ngeKrismesi.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share