Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Novemba 1
“Ucinga ukuba iingelosi zinomdla koko sikwenzayo? [Mlinde aphendule.] Phulaphula oko kuthethwa yiBhayibhile. [Funda uLuka 15:10.] Eli nqaku lixubusha ngoko kwathethwa nguYesu ngendlela izidalwa zokomoya ezisichaphazela ngayo.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 16.
Vukani! Novemba
Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16. Emva koko unokuthi: “Ngaba uyavuma ukuba sinokuyithemba yonke into ethethwa yiBhayibhile? [Mlinde aphendule.] Eli nqaku lichaza indlela abembi bezinto zakudala nabafundi bembali abakungqina ngayo oko kuthethwa yiBhayibhile ngeYiputa yamandulo.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 15.
IMboniselo Disemba 1
“Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ezulwini, kukho abantu bokomoya abakrelekrele abanempembelelo ebomini bethu. Ucinga ntoni wena? [Mlinde aphendule. Emva koko funda iSityhilelo 12:7-9.] Eli phephancwadi lisibonisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngabo baphila kummandla wokomoya, indlela abasichaphazela ngayo, nokuba sinokunxibelelana nabo kusini na.”
Vukani! Disemba
“Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba iKrismesi ibhiyozelwe ngoDisemba 25 ekubeni iBhayibhile ingawuchazi umhla awazalwa ngawo uYesu? [Mlinde aphendule.] Ngokutsho kwale ndinyana, akunakwenzeka ukuba uYesu wazalwa ebusika. [Funda uLuka 2:8.] Eli phephancwadi lichaza imvelaphi yezithethe ezenziwa ngeKrismesi.”