Iintshayelelo zamaphephancwadi
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo wokuqala KaSeptemba
“Abantu bezizwe ezahlukahlukeneyo nabakwiinkolo ezingafaniyo bayathandaza yonke imihla. Ucinga ukuba uThixo uyayiphulaphula aze ayiphendule yonke imithandazo?” Mlinde aphendule. Emva koko mnike iMboniselo kaSeptemba 1, nize niqwalasele kunye umbandela ophantsi komxholwana okwiphepha 16 nifunde ubuncinane umbhalo omnye ocatshulweyo. Mnike amaphephancwadi, uze ucele ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.
IMboniselo Septemba 1
Mbonise iphepha elingaphandle leli phephancwadi uze umbuze: “Ubunokuwuphendula njani lo mbuzo? [Mlinde aphendule.] Phawula oko kuthethwa yiBhayibhile. [Funda eyoku-1 kaYohane 5:19.] Ngokutsho kwalo mbhalo, ihlabathi lilawulwa ‘ngongendawo’ okanye uMtyholi. Kodwa oku kuphakamisa imibuzo. Wayevela phi uMtyholi? Ngaba ungumntu wokwenene? UThixo uya kumvumela ukuba alawule ixesha elide kangakanani? Eli phephancwadi lisixelela oko kuthethwa yiBhayibhile.”
Vukani! Septemba
Namhlanje abantu abaninzi bacinezelekile ngenxa yeengxaki zemali. Ucinga ukuba kutheni kunzima kangaka nje ukufumana izinto zokuphila? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile inamazwi obulumko aye anceda abaninzi bayazi indlela yokuyisebenzisa kakuhle imali. [Funda esinye sezibhalo ezikwiphepha 8-9.] Eli phephancwadi linamacebiso anokusetyenziswa ngabo batshone zwabha ematyaleni.”