Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaSeptemba
“Abantu abaninzi bakholelwa ukuba uThixo uza kubagweba ngezenzo zabo. Ngaba ucinga ukuba iMini Yomgwebo yinto esifanele sijonge phambili kuyo okanye esimele siyoyike? [Mlinde aphendule.] Phawula oko kutshiwo apha.” Nika umninimzi iMboniselo kaSeptemba 1, nize nixubushe umbandela ophantsi komxholwana wokuqala kwiphepha 16 kunye nesibhalo noba sinye. Mnike amaphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze uphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo Septemba 1
“Kumazwe amaninzi, amabhinqa ajongelwa phantsi yaye aphathwa kakubi. Okubuhlungu kukuba, iinkonzo ziye zadlala indima koku. Ucinga ukuba uThixo uwakhathalele ngokwenene amabhinqa? [Mlinde aphendule.] Phawula ukuba iBhayibhile ithi amadoda afanele awaphathe njani amabhinqa. [Funda eyabaseEfese 5:28, 29.] Eli phephancwadi libonisa oko kutshiwo yiBhayibhile ngendlela uThixo awajonga ngayo amabhinqa.”
Vukani! Septemba
“Abaninzi bathi ngenye imini akuyi kubakho nto iphilayo emhlabeni, mhlawumbi ngenxa yemfazwe yenyukliya okanye intlekele yendalo esenokubangelwa kukuqephuka kwamatye asuka phakathi kwezijikelezi langa uMars noJupiter nokutshintsha kwemozulu. Ucinga ukuba oko abantu bakutshoyo ngokuba sengozini koluntu kumele kunikelwe ingqalelo kuko, okanye ngamaphupha nje? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile yenza esi sithembiso sithuthuzelayo. [Funda INdumiso 37:29).] Eli phephancwadi lixubusha ngezinye iimeko ezithetha ngokuba sengozini kwehlabathi kunye noko kuthethwa yiBhayibhile ngokuphathelele ikamva.”