IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/11 iphe. 8
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 10/11 iphe. 8

Iintshayelelo Zamaphephancwadi

Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile kuMgqibelo Wokuqala KaNovemba

“Ngaba ucinga ukuba bonwabile abantu abazama ukuthobela uThixo? [Mlinde aphendule.] Eli nqaku liveza iingongoma ezibalulekileyo.” Nika umninimzi iMboniselo kaNovemba 1 nize nixubushe kunye umbandela ophantsi komxholwana okwiphepha 16-17. Funda nokuba ngumbhalo omnye kweboniswe apho. Mshiyele eli phephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.

IMboniselo Novemba 1

“Abanye bavakalelwa kukuba imbono yeBhayibhile ngesini ishiywe lixesha kwaye ingqongqo gqitha. Abanye bavumelana neBhayibhile. Uthini wena? [Mlinde aphendule.] Phawula oko kuthethwa yile ndinyana ngokuphathelele umthombo wemilinganiselo yeBhayibhile. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16.] Eli phephancwadi libonisa indlela iBhayibhile eyiphendula ngayo imibuzo elishumi edla ngokubuzwa ngokuphathelele isini. Licacisa nendlela esingenelwa ngayo xa sisebenzisa imilinganiselo yeBhayibhile.”

Vukani! Novemba

“Ukuba sijonga umhlaba nezinto ezisingqongileyo, ngaba uye ucinge ukuba—ukho uMdali okanye izinto zonke zazivelela ngamabona-ndenzile? [Mlinde aphendule.] Phulaphula lo mbhali weBhayibhile kwisigqibo awafikelela kusa ngokondela kwakhe indalo. [Funda eyabaseRoma 1:20.] Eli phephancwadi licacisa oko kufunyaniswe zizazinzulu ngeeseli zabantu nendlela oku okusikhanyisela ngayo kulo mbandela.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share