Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaNovemba
“Phantse sonke siyamfuna urhulumente olungileyo. Ucinga ukuba ngurhulumente onjani onokukwazi ukucombulula iingxaki zabantu? [Mlinde aphendule.] Khawuve ukuba ithini le ncwadi.” Nika umninimzi iMboniselo kaNovemba 1, nize nincokole ngoko kubhalwe phantsi komxholwana wokuqala kwiphepha 16, nize nifunde okungenani isibhalo sibe sinye. Shiyela umninimzi elo phephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze niphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo Novemba 1
“Ukuba bekunokuthiwa khawubuze uThixo umbuzo nje ube mnye, ubunokumbuza ntoni? [Mlinde aphendule.] UYesu wathi sifanele sifune iimpendulo zemibuzo yethu. [Funda uMateyu 7:7.] Eli phephancwadi lichaza indlela iBhayibhile eyiphendula ngayo le mibuzo mithathu.” Bonisa umninimzi imibuzo ekumazantsi ephepha 3.
Vukani! Novemba
“Namhlanje sityelela zonke iintsapho. Sele iyinto exhaphakileyo ukubona iintsapho ezinomzali omnye. Ngaba ucinga ukuba ezi ntsapho zineengxaki ngaphezu kwezo zinabazali ababini? [Mlinde aphendule.] Abazali abaninzi baye bafumana amacebiso aluncedo eBhayibhileni. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16.] Eli phephancwadi linamacebiso anokunceda abazali abangenamaqabane ukuze baphumelele.”